NGAMAKHULU emingxuma ezindleleni ethe yangcitywa kule nyanga idluleyo emva komonakalo owenziwe ziimvula ezimandla kwiindlela zetha nezomhlaba.
“Usemninzi kakhulu umsebenzi ekufuneka wenziwe kwaye sijonge ukuwukhawulezisa lo msebenzi wolungiso,” utshilo uSodolophu uHoratio Hendricks.
“Nakubeni umasipala enetha eyaneleyo kuvimba, umceli-mngeni kukushokoxeka kwabasebenzi abanako ukuwenza lo msebenzi ngexesha elamkelekileyo.
“Ngoko ke sizakuqesha inkampani ezakuthabatha omnye walo msebenzi, kwaye sicele nabasebenzi abongezelekileyo kwiNkqubo Yemisebenzi Yezoluntu ukuzama ukuqinisa amaqela ethu eendlela nokukhawulezisa ulungiso.”
USodolophu uthe imeko yeendlela zomhlaba iyakhathaza kakhulu.
“Uhlahlo-lwabiwo-mali lushokoxekile, kungako into esigqale kuyo kuqala ikukugudulula iindlela eziphambili kwezomhlaba.
“Silindele ukuba sikwazi ukukhulula imali eyangezelekileyo yeendlela zomhlaba ngoFebruary, xesha elo umasipala ayakuthi andise inkqubo yakhe yolungiso.”


