Imiqathango yamanzi isamiselwe kuzo zonke iidolophu zaseKouga.

USodolophu waseKouga uHoratio Hendricks uthe nakubeni kusanda kuna kakhuhle, umthamo odityanisiweyo wamadama athumela amanzi kwiKouga neNelson Mandela Bay ume kwi-54% kuphela.

“Ithi loo nto asikaphumi engozini.

“Nanjengoko ingingqi yethu ithandwa yimbalela, ukusebenzisa amanzi ngokononophelo kufuneka ibeyindlela yethu entsha ‘yesiqhelo’,” uye wakhuthaza abathathi-nxaxheba kumthandazo obusanda kubakho kwiDama laseKouga.

Uthe Isebe Lezamanzi Nogutyulo-lindle likwalile ukunyusa umthamo wamanzi umasipala anako ukuwatsala kwiDama laseKouga.

“Ngenxa yoko, nathi asikakwazi ukukuyekisa ukunkinkishwa kwamanzi kwezi dolophu.

“Kodwa sizakuqhubeka sibeka uxinzelelo phezu kweSebe ukuba lisinyusele lo mnyinge njengoko umthamo wedama uye watsiba ukusuka ngaphantsi ko-7% ukuya ngaphezulu kuka-52% ngoSeptember, oko kubhekelisa usuku lokoma uDay Zero ngaphaya konyaka.”

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article