UMASIPALAL waseCanada iPrince Edward County (PEC) uchithe iiveki ezimbini eKouga ngoSeptember njengexalenye yesivumelwano phakathi kwabo nomasipala walapha ebutsheni balo nyaka.

Aba masipala basebenzisana kwinkqubo ebizwa ngokuba yiBuilding Inclusive Green Municipalities (BIGM), ivela-tanci eliququzelelwa yiSouth African Local Government Association (SALGA) neFederation of Canadian Municipalities, kwaye ixhaswa ngemali ngurhulumente waseCanada.

Isivumelwano Sentsebenziswano sityikitywe ngoMarch phakathi kweKouga nePEC eJeffreys Bay, kuvunyelwana ngokusebenzisana kwezoPhuhliso loQoqosho Lwasekhaya.

USodolophu uHoratio Hendricks uthe olutyelelo lukwabandakanya ukwakhiwa kwezakhono zabasebenzi nezabathathi-nxaxheba ekuhambiseni iinkonzo zophuhliso, kugqalwe kwabo basemngciphekweni.

“Iinkqubo bezigxile ekuxhaseni umasipala kumsebenzi wokuhambisa iinkonzo koosomashishini nasekuqinisekiseni ukuba oko kuxhasa iindlela zophuhliso ezinobuchule obutsha, nezilungiselela amaqela asemngciphekweni,” utshilo

“Sifuna ukulisebenzisa kangangoko eli thuba lokufunda kwezinye zeenkqubo eziphambili ehlabathini, sigcine eyethu imeko engqondweni,” utshilo uHendricks.

Kuye kwabanjwa nentlanganiso yokufunda ngophuhliso yabathathi-nxaxheba, nebibhexeshwa yiPEC, eMentorskraal Country Estate ngeli xesha lolu tyelelo.

Le ntlanganiso yokufunda, nethe yafumana ukunconywa okukhulu ngabo bathathe inxaxheba, ibijonge ekusondezeni abo basebenzisana nomasipala ukuze babe negalelo ekuqulunqweni kwesicwangciso sezophuhliso.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article