“Beka uyihlo nonyoko, ukuze yalulwe imihla yakho emhlabeni akunika wona uYehova uThixo wakho,” esi sesinye sezona zibhalo zaziwayo.

Kwabo bangasaziyo sifumaneka kwincwadi yeMfuduko okanye iEksodus, isahluko sama 20, kwaye siyinxalenye yamazwi alishumi, nasi siseko senkolo yobuKrestu.

Wonke umntu okhulele enkonzweni uyawazi amazwi alishumi, kodwa lonto ingathi umntu ongakhulelanga enkonzweni akayazi intlonipho okanye amalungelo oluntu.

Amazwi alishumi yinto abo bakhulele enkonzweni bayifunde beselula, yaye athi abanqwanqwade aphinde abanike umkhombandlela.

Ngengomntwana ndakhuliswa ndaqeqeshwa ngumakhulu wam uMandzaba, wanga umphefumlo wakhe ungaphumla ngoxolo. Zininzi kakhulu izinto awathi wandifundisa zona. Wathi esishiya kweli limagad’ ahlabayo ngo1994 wabe esinike isiseko esi siso.

Namhlanje ndiyazingca ngendlela awasikhulisa ngayo, kwaye singabazukulwana bakhe samhlonipha kwade kwase kugqibeleni. Njengabantu abamnyama intlonipho yenye yezinto ezibaluleke kakhulu kuthi, ingakumbi ngokuphathelene nabantu abadala. Isiganeko sakutshanje, nalapho inkwenkwana ibetha uninakhulu ngempama ngenxa yokutya sithande ukothusa, kananjalo saruqela isidima sale ngwevukazi eludakeni.

Njengomntu okhuliswe phantsi kwesandla esingqingqwa, ndizive ndifudumele xa ndibona levideyo kumakhasi ezonxibelelwano.

Okona kundikhwankqise kakhulu yindlela le dyonganwa ebithetha ngayo nale ngwevukazi. “Ndakubetha wena!,” ivakala isitsho lentwana kolu shicilelo, emva kokuba ibethe unina khulu kwachitheka phantsi ukutya. Akuphelelanga nje apho, iwakhupha la mazwi imtyityimbisela umnwe uninakhulu. Umbuzo engqondweni yam ngowokuba kukangaphi lentwana iyenza lento. Okucacileyo kukuba kukhona ukungahambi ngendlela kwezinto kwelakhaya, ngoba nalo uthathe le videyo utye tyum. Uthula njani kusenzeka into ekumila kunje phambi kwakho? Ungathula kuphela kuba usoyikisela obakho ubomi. Kodwa ke nokuba akathethanga ngethuba lesi siganeko, isenzo sakhe sokuthabatha ivideyo zenze umahluko kuba sikhokelele ekunqakulweni ivalelwe ledyongwana. Kwaye masithembe ukuba isifundile isifundo sayo, noxa lenyewe isenkundleni. Logama singazi ukuba ikamva lisiphathele ntoni, ingqeqesho idlala indima enkulu kwindlela esithi senze ngayo izinto. Masiqeqesheni abantwana, singajongi ukuba uthini umgaqo siseko okanye imithetho ekhusela abantwana. Imithetho ayifaki ngqeqesho, koko ibalula amalungelo.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article