Xa kanye siphakathi kwinyanga nebizwa nje ngeyolutsha eMzantsi Afrika, nesikhumbula abobafundi ababetoyitoya ngomhla we 16 kwinyanga yeSilimela kunyaka ka1976 kuba bengafuni ukufundiswa ngolwimi lwesibhulu, ndiva kabuhlungu.

Xa kunamhlanje uninzi lwabantu abatsha bazibona bejamelene nemiceli mingeni emininzi, nalapho abanye babo baphele sele besohlulakala. Eminye yaloo mingeni kukungaphangeli, ukusebenzisa utywala neziyobisi ngokugqithisileyo, amantombazana akhulelwa esematsha, ubundlobongela obugqithisileyo njalo njalo.

Umbuzo umile, ingaba konakele phi na?

Lwayaphi olwalutsha lwamandulu lwaluzimisela kuyo yonke into elwaliyenza. Olwalutsha lalixolela ukuncama ubomi balo lifele ilizwe lalo. Ingaba iinkokheli zethu ziyibhude phi? Kwindawo esihlala kuzo ulutsha luhamba phambili ngokungalawuleki. Ingathi urhulumente funeka acinge maqhinga wambi ukuzama ukuncedisana nolutsha ukuba likwazi ukuzama indlela yokuphila engcono. Eneneni ayikho nje into enokubhiyozelwa lulutsha kulenyanga ngoba iingxaki zabo zininzi gqithi.

Ngokubona kwam ingathi urhulumente osikhokheleyo uyohluleka ukukhuthaza nokuxhobisa ulutsha ukuba lukwazi ukuzimela, ingakumbi olu luzinze emaphandleni kunye nasezilalini.

Ubugebenga buyagquba ngoba kaloku abantu abaninzi abaphangeli. Ngokwengxelo ekhutshwe Licandelo Lwezibalo eMzantsi Afrika (Department of Stats SA) kwisiqingatha sokuqala sonyaka, inani lolutsha olungaphangeliyo phakathi kweminyaka eli 15 ukuya kuma kuma 34 lonyukile laya kuma kumyinge wama 46,1%.

Lonto ibonisa mhlophe ukuba kusekude engqinibeni kwidabi le ntswelangqesho. Enye yezinto urhulumente ebenokuyenza kukuqinisekisa wonke umntu unesakhona. Umsebenzi wezandla ubaluleke kakhulu kweli ixesha sikulo ngoba awulindi ude uqeshwe uyaziphangelela. Inye nje urhulumente into anokuthi ayenze kukubanika inkxaso ngemali.

Kwaye aqinisekise ukuba uyazithengisa izikolo ezenza umsebenzi wezandla ukuze abantu bazazi. Eneneni asikho isidingo sokuba ulutsha lubhiyozele olu suku. Uzakubhiyoza njani ulambile?

Into esiyibonayo zinkokheli zopolitiko kunye nabantwnaa babo bexhamla bodwa. Thina sizileli zabo nalapho baye banyuke ngathi baze bathi bakungena ezi ofisini basilibale.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article