Unathi Obose
Unathi Obose

Isigqibo esiwiswe yiNkundla yoMgaqo siseko esivumela amadoda ukuba athabathe okanye asebenzise iifani zamakhosikazi awo sishiye uninzi lwamadoda kweli engayivali imilomo ngumothuko, amanye atsho ewuchaza lo mthetho nanje ngolahlekisa okanye obulala isizwe.

Lo mthetho uphunyezwe emva kokuba amaqabane athile ethe aya kule nkundla ngeli gunyazisa ukuba avunyelwe asebenzise ifani zamakhosikazi wawo. Nanje ngoko sisazi le nkundla ithe yanqwala kwelibango ngoLwesine umhla we-11 kwinyanga yoMsintsi.

Nam ndingomnye wamadoda awuthandabuzayo lo mthetho nendiwuthatha nje ngemfeketho.

Yeyiphi le ndoda inesiduko inovuma ukwendela emfazini? Xa kunjalo sizakubaphi isidima sayo?

Izakuhlonitshwa njani ebukhweni bayo kunye nangamadoda okuhlala. Ungathi kungcungcutheka amadoda atshatileyo nokhe kwilali yakulonkosikazi, nalapho ufika ebizwa ngamagama. Kwakubekiselaphi ke ngoku xa ude waguqula nefani.

Ngubani khona ozakulobola omnye phakathi kwenu? Mna ndirhalela ukwazi ukuba ngoku ezijaji zixoxa ngalomba, zibe beziphi ezimnyama bezisithini zona?

Kwi Afrika iphela andiqondi ukuba likhona ilizwe elithathela uMzantsi Afrika ingqalelo ngenxa yezinye zezinto esizenzayo.

Inyaniso yeyokuba umntu obhinqileyo akanaso isiduko, usebenzisa isiduko sikatata wakhe.

Iyakuthini ke ngoku enye indoda ikhethe ukulahla isiduko sayo isebenzise esenye indoda?

Kaloku ithi lonto xa ubiza ifani ka nkosikazi nesiduko esizakusebenza kulomzi izakuba sesomfazi.

Ukucacisa nje kule ndawo ithi umntu obhinqileyo akanaso isiduko yindoda kuphela enesiduko. Umzekelo, umama ondizalayo ngu MaVezi, Wushe, Nozikhothe, Nkankanyane,Vuma, Mjoli. Esi sisiduko sikatata wakhe hayi yena. Xa ethetha uthi uyintombi yaseMaWusheni, uWushe ongutata ozala yena. Yiyo lento ndisithi umntu obhinqileyo akanaso isiduko.

Ngoku izakwenzeka kanjani into yokuba indoda yendele emfazini yakugqiba ibize isiduko sakulomfazi.

Xa kufuneka kwenziwe amasiko kuzakwenziwa elaphi?

Kanti indoda ayiyontloko yekhaya na?

Nencwadi emlom’ ubomvu iyayicacisa into yokuba uThixo wadala uAdam wamenza nje ngomfuziselo wakhe. Waze wathi akumbona ukuba unesithukuthezi wambetha ngobuthongo walala waze wahlephula kwimbambo zasekunene wamenzela umlingani ongu Efa.

Ithi lonto kwasemyezweni indoda yadalwa yayintloko.

Izakuba sisizwe esinjani esi sigqwethekileyo? Kwezingxaki zingaka sinazo kweli lizwe suke sizibhaqe sele sixoxa unobenani.

Ziphi iinkosi zomthonyama khe ziphefumle kulo mba sijongene nawo. Umthetho omiselwa kweli lizwe bekufanele ukuba uhambisana nendlela abantu abamnyama abaphila ngayo.

U-Mzantsi Afrika use Afrika, asikwazi ukuphila ngokungathi siseMelika okanye kumazwe aseYurophu. Inkululeko mayingasivali amahleko kunye nengqondo.

Enyanisweni siyazidinga iinkokheli ezingqwabalala nezinomthetho ezingazukuvula zibhuqe. Ndakuthi ukujonga kukwaxhele yakhe kweli lizwe, siphela thina singabantu abamnyana, nabasisininzi, isithi aba bathobela ingcuntswana.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article