Covid
Ezinye zehoki ezitshisiweyo nekutyholwa ukuba zitshiswe ngomnye wabahlali kunye neqela lakhe. UMFANEKISO: SIWUTHUNYELELWE.

Iphume nodlolwazana ingxabano phakathi kweenkokheli zokuhlala kwindawo yoogobityholo iCovid, eMfuleni, emva kokutshiswa kweehoki ezintandathu zangumthuthu.

Kungoku nje omnye unyola omnye esesweni, umntu ngamnye uvikela iliso lakhe.

Ngokweengxelo, la matyotyombe atshiswe yenye yeenkokheli zokuhlala ngobusuku bangoLwesithathu umhla wama 21 kuCanzibe.

Kutyholwa ngelithi le nkokheli ikwenze oku ihamba negqiza layo kulandela imigushuzo yabahlali abebenyanzelisa unikezo lweenkonzo.

Le migushuzo, netsale iveki, ikhokelele ekuvalweni kweqela leendlela kuquka uN2 kunye ne Mew Way.

Ngokweengxelo abahlali bagqibe ekubeni baqhankqalazele emzini kaceba uErnest Madikane baze kamva batshintsha bavala iindlela.

Enye yeenkokheli ezitshiselweyo ityhole indoda eyaziwayo ngokungalawuleki nokuba ngunobangela walo mbhodamo.

Uthe oyena nqontsonqa luhanjiso lweenkonzo kule ngingqi.

“Singabahlali into esasiyifuna yayikukufakelwa kweenkonzo. Saye sagqiba kwintlanganiso esasinayo ekubeni masiyeni kwi ofisini kaceba siyokumxelela izikhalazo zethu. Sithe xa sisendleleni eya khona omnye wabahlali wathi masiyovalani indlela uN2 kunye nezinye sitshise. Kulapho singazange sivane khona ngoba kaloku sikholelwa ukuba impendulo sasizakuzifumana kuceba. Saphela sizezinye zeenkokheli kunye nabanye abantu sijika,” icacise yatsho le nkokheli.

Yaleke ngelithi le ndoda ayiyiyo nenkokheli yokuhlala, ngumntu nje. Ulebele ngelithi emva kweentsu ezimbalwa luqalile uqhankqalazo bafumana izigrogriso ezisuka kule ndoda kunye nabantu bayo.

Utyhole ngelithi eneneni ngobusuku bangoLwesithatha yafika le ndoda ihamba negquba labantu, bagalela iparafini endlini yakhe bakugqiba bayintumeka ngomlilo.

“Ndaye ndaphuma ndama phandle ndababukela betshisa ihoki yam. Babengazigqumanga nobuso ukubonisa ukuba babengayifihli lento babeyenza. Emva koko bagqitha bayokutshisa nezinye iihoki,” utyhole ngelitshoyo.

Waleke ngelithi babeziinkokheli ezisibhozo kodwa kwatshiswa iihoki ezintandathu.

Uqhube wathi abaqinisekanga noba basezakuqhubeka batshise ezi zimbini zishiyekileyo.

Le nkokheli ithe eyona nto bayifunayo kukuba umthetho udlale indima ngakubenzi bobubi.

Kudliwanondlebe ne City Vision umtyholwa uzikhabe ngawo omane ezi zityholo. Uqhube wathi oyena mntu utshelweyo nguye nalapho aphulukene nehoki kunye nemoto yakhe.

“Andinalwazi lokutshiswa kweehoki ezintandathu mna. Oyena mntu utshiselweyo apha ndim. Ihoki yam itshiswe ngabahlali behamba noceba. Isizathu sokuba batshise izinto zam andisazi. Kangangokuba ndibamangalele emapoliseni,” uthethe watsho.

Uzibhebhethile nezityholo zokuba ebekhokhele iqela labantu ebeliqhankqalaza lihamba litshisa iindlela ngelithi khange ayalele bantu ukuba baqhankqalaze.

Uye wayibethelela into yokuba akayi ndawo uzakuhlala eCovid.

U-Madikane, nonguceba kwaWadi 114, uthe akananto yakwenza nokutshiswa kwehoki, watsho esithi akamazi noba uhlala ndawoni umrhanelwa.

Ecacisa ngesizekabani semigushuzo yakutshanje, utyatyadule wenjenje: “Ingxaki iqale emva kokuba (umsolwa), nobesebenza kwinkampani ethile apha ewadini nebigangatha ibala apho kulungiselelwa ukwakhikwa khona iihoki nalapho kuzokususwa aba bantu bakhe kwindawo ezimanzi, engafunanga ukwehla esikhundleni.”

Ngokwenkcazelo umsolwa ebesebenza njengenkokheli enxibelelana noluntu kulo msebenzi.

Wongeze ngelithi bonke abantu ababesebenza kulankampani kuye kwanyanzeleka ukuba bayeke emva kwesigaba esithile somsebenzi khona ukuze kuqala inkampani entsha kunye negqiza layo labasebenzi.

Utyhole umrhanelwa ngokufuna ukusebenza kude kuphele iprojekthi.

Uqhubeke wathi kulapho aye waqokelela abantu ukuba bayokutshisa indlela.

U-Madikane uthe abo bangazange bavume ukuba yinxalenye yoqhankqalazo batshiselwa iihoki zabo. “Ukuqala kwabo oluqhankqalazo ibingathi balwela ukuziswa kweenkonzo. Aba batshiselwe iihoki zabo zinkokheli ezingakhange zifune ukuyotshisa indlela,” ucacise watsho uMadikane.

Wongeze ngelithi phambi kokuba atshise indlela umsolwa uye wathi ebantwini mabaye kwi ofisi kaceba bayokufuna iziqinisekiso zee dilesi bazise kwi ofisi ka Eskom eKhayelitsha bazakufakelwa umbane esitsho exoka.

U-Madikane umemelele umsolwa ukuba avule ityala ukuze badibane emaplangeni.

Isithethi samapolisa ephondweni uLt-Col Malcolm Pojie uthe amapolisa aseMfuleni avule amatyala okutshisa aliqela emva kokuba bekukho ingxwabangxwaba phakathi kwamaqela abahlali amabini ebeqhankqalaza kula ngingqi. Uthe kutyholwa ngokuba ummangali imoto yakhe iye yonakaliswa ngexesha lengxabano waze wavula netyala lokutshisa. “Akukho bantu sele bebanjiwe ngalomzuzu kodwa uphando lusaqhubeka,” uthethe watsho.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article