Belingcwele limi ngeembambo iholo loluntu elizinze kwisitalato iNY50 ngelixa bekungcwatywa ingcibi ephume izandla uSenziso ‘Maduna‘ Nqabeni(90) ngoMgqibelo umhla we 17 kuCanzibe.
U-Maduna ubhubhele esibhedlele ngoLwesihlanu umhla wesibini kulenyanga sikuyo emva kokugula ixesha elide. (“Uwile umth’ omkhulu”, City Vision, 15 May).
Izithethi zimchaze nanje ngomakhwenkwetha wengcibi nobewuhloniphile umsebenzi wakhe.
Igqala lomzabalazo nokwayinkokheli eyaziwayo kumbutho kaKhongolose uTony Yengeni, nokwangomnye wabantu aboluswa nguMaduna, umchaze nje ngogqirha wesintu obeyingcaphephe ekwaluseni.
Uthe oko wabayingcibi uMaduna akazange wanamakhwenkwe anengxaki.
“Ebewenza kakuhle uMaduna umsebenzi wakhe. Ebeyibamba inkwenkwe kubonakale. Mandulo ukwaluka yayilisiko elalibalulekile kwaye lihlonitshwa kakhulu ngabantu balo. Namhlanje awukwazi nokohlula phakathi kwenkwenkwe ne ndonda ngenxa yendlela amadoda angoku aziphatha ngayo,” uthethe watsho uYengeni.
Uye wabongoza amadoda ukuba alihloniphe elisiko, watsho ecacisa nendlela unobhala wombutho kaKhongolose uFikile Mbalula awathi wangena ngayo esuthwini.
“Ndiyayiva nale yabantu behambe besithi uMbalula ndambamba ndamolusa ngenkani. Bubuxoki obo, uFikile wazifunela ukwaluka. Sasisentlanganisweni apha eKapa, xa siphuma entlanganisweni wathi urhalela inyama yentloko yegusha. Yayingekho ke enye indawo esasinoyifumana khona seza apha (Gugulethu). Nguye owathi ufuna ukwaluka zange simnyanzele,” ucacise watsho, ebalula uMbalula njengendoda egqibeleleyo.
Usihlalo wombutho weenkosi iContralesa kwiCape Metro u Zwelidanile Eric Galada, nongomnye ophuma ezandleni zikaMaduna, umchaze nanje ngenkosi yehlathi.
Uthe baninzi abantu abaziyo abaphuma ezandleni zakhe. “Ngonyaka ka1979 uMaduna wandenza indoda. Andizange ndiyicinge into yokuba ngenye imini ndingaze ndime phezulu kwebhokisi yakhe ndithethe ngaye. Akukho mntu ongawaziyo umsebenzi kaMaduna apha futhi ke ebewenza ngokwempumelelo,” uthethe watsho uGalada.
Uthe ngokomthetho karhulumente le ndawo okanye ihlathi eli ahlala kulo amakhwenkwe kufuneka libhaliswe ngokusemthethweni laziwe.
Uqhubeke wathi onke lamahlathi asetyenziswayo akukho nelinye elisele libhalisiwe.
Ongumzukulwana kuMaduna uSiyabonga Manentse umchaze utat’ mkhulu wakhe nanje ngomntu obethetha phandle kodwa ebathanda abantu.
“Mna ndikhule utatomkhulu esenza lomsebenzi (esolusa). Ndande ndabhadla nam kwafikelela ixesha lokuba ndibeyindoda wandolusa ngokwakhe. Silahlekelwe silikhaya kodwa ke siyayazi ukuba utatomkhulu ebengengomzali kuthi sodwa nasekuhlaleni ebenegalelo,” uthethe watsho uManentse.
U-Maduna ungcwatyelwe kumadlaka aseOttery .







