Amatyotyombe alishumi elinesibini atshe angqongqa ePholile B eNomzamo ngolweSihlanu umhla wama 21 kweyoMqungu.PHOTO: mzwanele mkalipi


Luzikhotha amanxeba uluntu lwendawo yamatyotyombe iPholile B, eNomzamo, emva kwesithwakumbe somlilo esishiyye abantu abangama 29 bengenandawo zokufihla intloko.

Esi siganeko sehle ngolwesiHlanu umhla wama 21 kweyoMqungu.

Lo mlilo oqale emva kwemini utshabalalise amatyotyombe ali 12 nalapho abahlali, kuquka abantwana besikolo, bashiyeke bengenazimpahla zakunxiba kuquka nezazisi zabo.

Abahlali bale ngingqi bakholelwa ukuba bebenawo amanzi ngebekwazile ukuwula lo mlilo ngempumelelo ngaphambi kokuba wenze umonakalo omkhulu.

Amanzi akhoyo kule ngingqi ngozenzele, kwaye bathi abahlali awabinamandla xa bezibona begaxeleka kwiintlekele ezifana nemililo.

Iimililo ithanda ukuvama kweli leNtshona Kapa nanjengoko amaqondo okutshisa ephezulu kakhulu, kodwa unobangela walo umlilo awaziwa nangona uqale kwityotyombe umnini ebesempangelweni.

U-Sondi Nondinzi (onama 64 eminyaka) ongumzali kubantwana abasixhenxe uthi ebesendleleni ngelixa ebona abantu bebaleka bekwakhwaza “umlilo!”.

“Ndilahlekelwe kuko konke. Ndithetha nawe nje ndisele ngezimpahla zisemzimbeni,” utshilo uNondinzi, ezama ukucoca indawo belisakuma kuyo ityotyombe lakhe elimagumbi mathathu.

“Abantwana bam abane abasesesikolweni balahlakelwe ziimpahla zabo zesikolo. Andiphangeli, kwaye andiyazi ndizakuqala ngaphi ukumelana nale meko. Ndicela nje sincedwe sakhe amatyotyombe ethu kunye neempahla zabantwana zesikolo,” ubongoze watsho uNondinzi.

Uqhube wathi uyaqala ukuba lixhoba lomlilo, kwaye le meko imshiye ebambe ongezantsi engayazi noba makathini na.

U-Mpendulo Mfengu, omnye umhlali kule ngingqi, uthe bazame ngawo onke amandla abanawo ukulwa lo mlilo kodwa babethwe yingxaki yamanzi.

“Ukuba besinawo amanzi iizicima mlilo ngezifike noko kubhetele kunalemeko sikuyo ngoku. Iimpompo esinazo sizenzele, xa kuthe kwakho ingxaki enje sizivule zonke zizama ukufumana amanzi siyoyisakala,” utshilo uMfengu.

“Siyasokola kakhulu. Ukuba singafumana amanzi nombane siyeke ukusebenzisa izinyoka ndiyaqonda imeko ezifana nezi zokutshelwa zingancipha. Sikwakhala ngomhlaba obanzi ukuze sikwazi ukuhlala kukho umsantsa phakathi kwethu ukuze kungabilula ukuntumeka kwetyotyombe lakho xa kusitsha,” utshilo uMfengu.

Isithethi seCandelo lezomlilo kwisiXeko saseKapa uJermaine Carelse uthe bafumene umnxeba ongxamisekileyo ngentsimbi ye 15:18 ubaxelela ngalomlilo.

U-Carelse uthi izicima mlilo ezisuka eMacassar, Mfuleni, Kuilsriver, Belhar naseSomerset West ziye zaleqisa kule ndawo yexhwayelo. Uthe abeliqela amatyotyombe atshileyo kodwa baye bakwazi ukuwucima umlilo nge 17:30 nosizekabani singaziwayo.

U-Charlotte Powell, osisithethi seZentlekele, uthe lo mlilo utshabalalise amatyotyombe ali 12 kwaze kwashiyeka abantu abangama 29 bengenazindawo zakufihla intloko.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article