Impumelelo isengqinibeni kuninzi lwethu, ingakumbi thina bantu abantsundu ngenxa yendawo nezenzo zethu eziye zibenefuthe kwinkqubela yethu. Ayinakuba uhlala ezilalini okanye elokishini, sonke singumgubo wengxowa enye.

Xa uhlala okanye ukhulela ezilalini izinto ezininzi ziyakuphosa, kwa indlela ekwenziwa ngayo izinto yahlukile kunasedolophini, de abanye bathi ubomi basezilalini buyacotha ngenxa yokunqongophala kweenkonzo. Umzekelo uninzi lwezikolo ezilalini zinezindlu zangasese eziyimingxunya. Kwezinye iindawo akukho kwa iimpompo zamanzi. Izibhedlele nevenkile zikude. Zonke ezi zinto ziye zikhokhelele ekubeni uninzi luphele luzishiya iilali lusingise ezidolophini ukuya kukhangela amadlelo aluhlaza.

Uninzi lwabo bashiyeka ezilalini luphela lungenzinto. Ukanti abo basezidolophi bona baye bayifumane inyhweba ngoba inxalenye yeenkozo zikhona. Umahluko ngowokuba uninzi lwabo luye lwahluleke kukuziphatha ngenxa yokuxhaphaka kwezinto.

Liyinene elithi utshaba lo mntu omnyama ngomnye umntu omnyama. Abantwana bethu sibabulala ngokwethu ngenxa yezenzo zethu ezigwenxa.

Akukho nto ilutshaba endlini entsundu njengotywala kunye neziyobisi. Zonke ezi zinto zithengiswa sithi ngelithi sizama indlela yokuphila.

Kwisitrato ngasinye elokishini uyakufika kukho indawo ethengisa utywala akukhathaliseki nokuba isemthethweni okanye sisikroxo, kodwa uzakuyifumana.Kangangohlobo eliphezulu ngalo iqondo lokusela akukho mntu ungaseliyo nkqu naba babhinqileyo.

Kwaye amaxesha amaninzi umntu osela utywala akakhawulezi ukuthathelwa ingqalelo ukodlula umntu otshaya iziyobisi. Ungade ufunge uthi ukusela kusefashonini ngohlobo ehamba ngayo ibhekile ayihlali phantsi.

Ewe, mhlawumbi intswelangqesho neye ikhokhelele kuxinizelelo lwengqondo inalo igalelo kubanye abantu nabaye baphele sele beziminca ngegqabi likalontshi kuba besithi bafuna ukulibala ingxaki zabo.Kodwa utywala neziyobisi zinegalelo elikhulu kakhulu ekuchitheni umzi ontsundu ngoba abantwana abaninzi baphela beyeka isikolo abanye bazala bebancinci ngenxa yokuzixhoma kweziziyobisi.

Andibasoli abo baye bathi bakuzibona ukuba noko ipokotho zifumile baye babaleke bayokuhlala kwiindawo engathi zingcono. Impilo yasemhlabeni inzima ifuna oochul’ ukunyathela. Ubundlobongela buqatsele sibulalana sodwa. Sele uhleli nje ungaseli okanye ungatshayi uphela unyenjwa ubizwa ngamagama. Kwathina ingathi sesayamkela le meko siphila phantsi kwayo.

Kuyo yonke lonto ndigxeka urhulumente ngokungaqinisi umthetho aqinisekise ukuba yonke into yenziwa ngokusemthethweni. Ukanti nathi singabahlali sinegalelo ngoba sithi aba bafihla abenzi bobubi. Ukuba singasebenzisana norhulumente, ukanti norhulumente ayeke ukusebenzisana nemigewu elilizwe lingangcono.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article