U-Pholiswa Mboza unyamalele nabantwana bakhe abathathu.umfanekiso: FACEBOOK


Usapho lwengingqi iMakhaya, eKhayelitsha, lumemelela kuluntu ukuba luncede ekukhangeleni ilungu losapho uPholiswa Mboza.

U-Mboza ominyaka ingama 36 kuthiwa akhange aphangele ngoLwesihlanu umhla we sine kweyoMdumba.

Amalungu osapho athi afumene umnxeba osuka kubaqeshi bebuzisa ngaye nanjengoko engakhange awubeke owakhe umcondo etorhweni.

Ngokwengxelo zosapho, uMboza unyamalele kunye neentsana zakhe ezintathu eziphakathi kwiminyaka esithoba neenyanga ezintandathu.

Noxa amalungu osapho ehlala eKhayelitsha, uMboza ebehlala nowakwakhe eWatergate, eMitchell’s Plain.

Ngokomlomo kamama wakhe, uFikiswa Mgedezi, wathi watsalelwe umnxeba ngabaqeshi bembuza ngentombi yakhe. Lo nto yamothusa, kwaye imshiye enemibuzo emininzi. “Thina sive ngoLwesihlanu xa sifowunelwa ukuba khange abekho emsebenzini. Xa sisiva ngomyeni wakhe uthi ubuye engekho endlini ngoLwesine. Sisothukile, kwaye asiyazi iyonke lento izakuphelelaphi na,” utshilo uMgedezi.

Uqhube wathi baye bandwedwela apho ibihlala khona intombi yakhe, nalapho bafumanise ukuba nabantwana abekho.

“Umyeni wakhe ume ngento yokuba uzakubuya,” utshilo uMgedezi.

Uthi bayile nasesikolweni sabantwana nalapho bavileyo ukuba abantwana khange baye esikolweni.

U-Mgedezi umemelele kuye nabani onolwazi ngokuthe kwehla okanye ombonileyo uPholiswa ukuba aqhangamshelane nabo belusapho nanjengoko behleli exhaleni.

Isithethi samapolisa ephondweni uSajini uWesley Twigg ukungqinile ukuba iincwadi zokulahleka komntu zivuliwe emapoliseni. Uthe uphando nokukhangelwa kwakhe kusaqhuba.

Ukanti umntu onolwazi angatsalela amalungu osapho kule nombolo 061 596 8302 okanye aqhakamishelane namapolisa akufutshane.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article