Akukho nto ingaxhalabisiyo kweli lizwe, ingakumbi xa ilelixesha enyakeni. Siyayazi ukuba sele likufuphi elo xesha lokuba abantu abaninzi baye kwiholide zokuphela konyaka nalapho baya kwiindawo ngendawo ezahlukeneyo.
Nto leyo iye ibenegalelo kwizinga leengozi ezindleleni.
Ngoku ixhala lethu singabanye aliphelelanga nje ekoyikeni iingozi, sicinga nalamaqela emibutho yezithuthi zikawonke wonke ukuba akazudala uqhushululu na kwezindlela zigodukayo.
Enyanisweni lo nyaka awukhange ubemhle kubahlali nakubakhweli ngenxa yabaqhubi bezithuthi zikawonke-wonke.
Maninzi amadoda awe endleleni, phofu bewisana kwabodwa bengamalungu alemibutho yezithutho zika wonke-wonke, nto leyo iphela sele ichaphazela abakhweli abangenatyala.
Baninzi abantu ababhubhileyo abanye bashiyeka bezingxwelerha ngethuba kukho imilo enxulumene nabaqhuni beetekisi nekusolwa ukuba balwa ngemizila apha eKapa.
Xa kulelixesha umnqwazi awuqini ngoba asiqinisekanga ukuba kuzakwenzeka ntoni apha ezindleleni.
Into ebuhlungu kukuba xa besilwa abadubulani bodwa, apho mhlawumbi ngebengqala kumqhubi badubule yena yedwa. Bona into abayenzayo badubula kwamntu ekwisithuthi.
Kwaye asisathembi kwanto abayithethayo ngoba namhlanje bathetha ngoxolo sivuke kusithiwa ukhona umqhubi okanye umphathi wonootekisi odutyulweyo, nto leyo ethi ishiye abakhweli bethandabuza besoyikisela ubomi babo.
Enyanisweni inkulu ingxaki ephakathi kwale mibutho yezithuthi zikawonke wonke, kwaye bayayazi bona qha baqubudile. Ndijongile nje akakho umntu ongaphandle onokuyilungisa nditsho urhulumente ubuqu, ifanele kwabona. Ndiqinisekile uninzi lwabantu abasebenzisa iitekisi abakhululekanga kodwa ke bayazisebenzisa kuba benyanzelekile. Ibuhlungu ke into yokuba uthi uhleli etekisini ube umincile.
Isidima ebebenaso siwile kwaye basiwise ngokwabo. Ikwaluxanduva lwabo ukuba baphinde basivuselele.Nento yokubulalana kwabo siye siyiqhela ngoku ngoba yenzeka rhoqo.
Akwaba banokuyithathela ingqalelo into yokuba ngezizithuthi zabo balayisha imiphefumlo yabantu nekulindeleke ukuba bayokufika kwiindawo abaya kuzo bephilile. Singabakhweli sithi kwanele ngoku. Mabangathathi ingxaki zabo bazenze iingxaki zethu. Ukuba sithi abonileyo sicela uxolo konootekisi.




