“Ukulima kum kusegazini, yinto endikhule ngayo leyo,” lawo ngamazwi kaNotitiza Mazolweni (onama 73) nongumseki weNolungile projekthi, kwisikolo samabanga aphantsi iNolungile eSite C.
U-Mazolweni uchazele iCity Vision ukuba waqala ukulima le gadi ngonyaka ka 2014 emva kwexesha elide engaphangeli.
Ubalise wathi ngoko kwakunzima kuba baqala yonke into phantsi. “Ukuze ndilime apha ndaye ndandwendwelwa ngamanye amagosa karhulumente, ephuma kwisebe lezolimo apha ephondweni andicela ukuba ndilime. Athi ukhona umhlaba okhoyo endinowusebenzisa, qha mandifune abanye oomama abane ukwenzela sibebahlanu. Andizange ndiphozise maseko ndenza njalo,” uthethe watsho uMazolweni. Uqhube wathi baye batyikitya isivumelwano seminyaka emihlanu nesebe.
Ngelishwa bonke oomama awayeqale nabo sele balandulela eli. Noxa kunjalo isivumelwano nesebe sisamile. Uthe rhoqo emva kweminyaka emihlanu baye basihlaziye isivumelwano.
Xa kungoku usebenza nabanye oomama ababini, noxa beneminye imisebenzi.
“Unzima lo msebenzi. Ukulima kufuna umntu okhathalayo nokuthandayo. Ukuba ufuna imali ekhawulezileyo awuzukulunga apha,” uthethe watsho Mazolweni.
Ubalule inkxaso yesebe lezolimo ephondweni njengebaluleke kakhulu emsebenzini wabo.
Phakathi kokunye libaxhasa ngezixhobo zokusebenza kuquka amatanki amanzi, imibhobho yokunkcenkceshela, imanyola kunye nocingo lokubiya.
Uqhube wathi phakathi kokunye ulima i-sipinatshi, iminqatha, iimbotyi, amatswele, ibeetroot, amakhaphetshu kunye ne kholiflawa. Uthe inxalenye yemifuno uyithengisa ekuhlaleni ukanti enye uyisa kuBalimi bezeKhaya babathengisele.
Abalimi Bezekhaya ngumbutho ozimeleyo nosebenzisana nabalimi abakhasayo, nothi ubaxhobise ngezakhona zokulima kunye nembewu.
Le ngwevukazi ivakalise ukuba izakuzibeka phantsi iintambo ekupheleni konyaka. “Hay ndidiniwe ngoku. Kuzokhe kusebenze abanye. Ingxaki ke abantwana bethu abafuni ukusebenza egadini. Kanti umhlaba yimpilo. Yonke into iqala apha. Abantwana bethu bathanda imali ekhawulezileyo. Kanti siyabafuna apha,” utshilo.
Uye wayibeka yacaca eyokuba amahomba awalungi egadini. “Xa usebenza ngezityalo naso nasiphi na kufuneka ubenobubele, unyamezele kwaye uzinikele kulento uyenzayo. Ayimfuni umntu olivila igadi,” uvalelise ngelitshoyo uMazolweni.






