Ayingomsebenzi olula ukuphekela abantu iveki yonke ube ungathathi ntweni, kodwa ngemfefe zikaMdali konke kuyenzeka, lawo ngamazwi kaSiphokazi Dlisani ongumseki weIsipho Sabantu Community Kitchen kwingingqi yase Ext 6 eMfuleni.

Oku ukudize ngexesha iCity Vision indwendwele ikhaya lakhe ngoLwesibini umhla wesithandathu kweyeThupha.

Ebeka elubala indlela awathi waqala ngayo ukuphekela abantu, uDlisani uhambise wathi waqala ngale nyanga kwiminyaka emibini edlulileyo (2022), eqhutywa yintlungu yomntana awambona eyothengisa iitoti kwindawo ethengisa ubugoxo.

“Ndandikhaphe iphelo lam ndilisa esikolweni kwalapha eMfuleni, nalapho ndathi ndisendleleni ndabona umntana omncinci kakhulu (uqikelela kwiminyaka esibhozo) ephethe ubugoxo eyobuthengisa. Ngelishwa, wafika kungekavulwa kulendawo nalapho wafika walahla elisaka esangweni wakhala. Ndaye ndambiza ndambuza ukuba yintoni ingxaki, wathi ebeyokuthengisa iitoti qha kuvaliwe,” uthethe watsho uDlisani, woleka ngelithi wathi xa embuza ukuba ezitoti bezizakuxabisa malini, wathi iR3.

Uqhube wathi wagqibe ukuba amnike iR5.

Uhambise wathi yamntya le meko yalomntwana, nalapho kusuku olulandelayo wathatha isigqibo sokuba uzakuphekela abantwana abancinci ekuhlaleni.

Uthe kusuku olulandelayo waqalisa wapheka. “KwakungoLwesine umhla wama 22 kweyeThupha uqala kwam ngqa ukupheka nalapho ndandiphekele iqaqobana labantwana balapha ekuhlaleni.

“Ngelishwa lowa umntana ndandidibene naye eyothengisa iitoti zange ndiphinde ndimbone ngoba andizange ndikwazi ukuncokola naye ndimbuze ukuba uhlala phi na. Ndathi ndakumnika imali wayithatha wabaleka ngoko nangoko,” ubalise watsho uNdlisani.

Uqhube wathi emva kokuba ebaphakele abantwana wabaxelela uzakuphinda abaphakele ngoMgqibelo ozayo.

Uhambise wathi kwathi kwanti akalazanga eliwinayo, wathi esemsebenzini ngoLwesihlanu wafumana umnxeba komnye wabantwana bakhe emxelela ukuba kukho abantwana bafolile ngaphandle kweyadi bathi bafuna ukutya.

U-Dlisani uthi wothuka wagqiba ekubeni mabaxelelwe ukuba babuye kusuku olulandelayo. “Ndandisitsho nje nam, ndandingazazi ukuba ndizakubathini. Emsebenzini ndandiphangela iintsuku ezimbini ngeveki uLwesibini noLwesihlanu. KwakungoLwesihlanu ngoku ndifumana lo mnxeba wokuba abantwana bandilindile bafuna ukutya, kwaye yayilusuku lwam lokurhola. Ndathetha nomlungu wam ndamcela ukuba andibhatale nemali yeveki ezayo.

“Eneneni wavuma wandinika. Ndagqitha kwenye yeevenkile ndathenga iilofu zezonka zalishumi, poloni enkulu, imbombozi yeFusion (5 litre). Ndabuya ndixhakazela emsebenzini,” uthethe watsho.

Uthi abantwana bakhe babengakholelwa bakumbona efika kodwa bamxhasa. Uthe ususela ngoko wayepheka rhoqo ngoLwezine nangoMgqibelo. Uthe ekupheleni konnyaka ophelileyo, ngenxa yokubona umthamo wabantu abazokuphaka, waqalisa wapheka ukuqala ngoMvulo, Lwesibini, Lwesithathu, Lwesine kunye noMgqibelo.

U-Dlisani, nongumama wabantwana abane, uthe kwaye kwanyanzeleka ukuba ayeke emsebenzini ajongane nalento ayenzayo.

Woleke ngelithi konke kuyenzeka ngenxa yenceba zikaMdali.

“Andiphangeli mna kuphangela abantwana bam. Yonke lento ndiyenzayo ndiyenza ngenkxaso endiyifumana ebantwini. NgoMvulo nangoLwesibini ndiphekela abantu abathengisa ubugoxo. Ze ngoLwesithathu, Lwesine kunye noMgqibelo ndiphekele ukuhlala jikelele, kuquka nabantwana. Bangaphaya kwama700 bebonke abantu endibaphekelayo,” ucacise watsho uDlisani, watsho esithi ixesha elininzi uye ancediswe ngabantu bokuhlala.

Uqhubeke wathi ngoMvulo nangoLwesibini uphaka ngentsimbi yethoba ekuseni, ukanti ngezinye iimini uphaka emva kwemini xa abantwana sele bebuyile esikolweni.

Uthe abanye babo bafika bathathe ukutya bahambe, ngelixa abanye betyela kwakhe.

Uqhube wathi ngamanye amaxesha uye ayophakela abantu abahleli ngaseBosasa TRA abakhangela imisebenzi okanye xa kukho indawo etshe amatyotyombe uyaya ayophakela amaxhoba emililo awaphe neempahla.

Omnye wabahlali abatya kwaDlisani u Dimitri Fredricks, nophila ngokuthengisa ubugoxo, uchaze uDlisani nje ngomama kuye. “Uyasinceda umama ngoba qho xa size apha uyasiphakela sisebenze sihluthi. Kwaye upheka kamnandi gqitha,”uthethe watsho Fredricks woleka ngelithi uleqa iminyaka emibini esitya phaya

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article