Bekusindwe ngobethole kwisikolo samabanga aphantsi iMfuleni ngexesha esi sikolo sibhiyozela ukufinca ama-50 eminyaka sasekwayo.
Lo msitho, nobusingathwe ngoMgqibelo umhla wama 27 kweyoMsintsi, ubuzinyaswe ngootitshala, abafundi nazii nkokheli zokuhlala.
Olilungu lesigqeba esilawula isikolo, aphinde abeyinxalenye yabaququzeleli balo msitho, uSibulelo Dimanda ukhankanye lo msitho nanje ngokwizinga eliphakamileyo.
Wongeze ngelithi babone kufanelekile ukuba balubhiyozele olu suku. “Sibone kufanelekile ukuba sibenento esiyenzayo malunga nesi sikolo. Esi sikolo savulwa ngonyaka ka1975. Elo xesha iMfuleni yayineminyaka nje embalwa ikhona. Sisikolo sokuqala esi ukubakhona apha eMfuleni. Zonke ezinye izikolo ezikhoyo apha eMfuleni zizalwa sesi sikolo” uthethe watsho uDimanda.
Utyatyadule wathi ukuvulwa kwaso sasiqala kwibanga lokuqala ukuya kuma ngelesihlanu.
Ukanti ngoku sinabafundi abangaphaya kwe 1 600, ngaphandle kweziko leentsana eziqala ngqa ukufunda.
“Unokusiqonda isikolo esasokhiwe ngexesha lamandulo inoba sasinjani. Kodwa ngokuye iminyaka ihamba naso siya sitshintsha sisibangcono ngoba sekufakelwe nobuxhakaxhaka bale mihla naso siphucukile ngoku,” ucacise watsho Dimanda.
Inqununu yesikolo uNompendulo Ngcebetsha uthe inkoliso yabafundi babo baphuma kumakhaya atsala nzima.
“Namhlanje asibhiyozeli iminyaka engama 50 esi sikolo sikhona yodwa, sikwabhiyozela nophuhliso olwenziwe kwesi sikolo ngoba ngoku asisafani nakuqala singcono kakhulu. Singootishala siyaqinisekisa ukuba bonke abantwana baphuma apha beqeqeshekile kwaye benembeko,” uthethe watsho uNgcebetsha.
Woleke ngelithi bakha inkokheli zangomso.
Uncome watyibela intsebenziswano entle phakathi kwesikolo, abazali kunye nabahlali, watsho ebalula esi sikolo nanje ngekhaya kubo.
“Ndineminyaka ndifundisa apha. Ndafika apha ngonyaka ka 1993 ngoko ndandisemncinci ndingumfundisi ntsapho nam. Ngonyaka ka 2006 ndiye ndachongwa nje ngentloko yesebe, Head of Department ngolwasemzini. Ngo 2014 ndiye ndayuselwa ndaba ngusekela nqununu. Kuthe ngonyaka ka 2020 ndaqala ukuxhuzula imikhala njenge nqununu. Kudala ndilapha ndisiwa ndivuka nesi sikolo,” ucacise watsho uNgcebetsha.
Umfundi uSinawo Pani (13), nowenza ibanga lesihlanu, uthe kuluvuyo kubo ukubona isikolo sibhiyoza nanje ngoko sibakhuthaza ukuba bazeke mzekweni balandele abo bafundi babekhona ngaphambili. “Kumandi apha, ootishala bethu banobubele bayasilungisa xa siphuma endleleni. Kwaye kulula nokuthetha nabo. Simanyene apha,” uthethe watsho uPani.
Wongeze ngelithi eyona nto imandla bafundiswa imbeko kunye nokuziphatha.
Uceba kawadi 114 Ernest Madikane, nowayesakuba ngumfundi kwesi sikolo, uthe bayazingca ngaso bengabahlali.
Ukhuthaze uluntu ukuba lusilondoloze, lugcine nazo zonke izakhiwo zikarhulumente ezikula ngingqi zikhuselekile.
Ngaxeshanye ukhuthaze abantwana ukuba bagxile ezifundweni zabo bayeke ukuyabula esithubeni, watsho ebongoza abafundisi ntsapho ukuba bomelele bangaphazanyiswa zizinto ezingendawo.







