Eneneni kuyafuneka sisisizwe khe sihlale phantsi sizibhence sizibuze imibuzo siyeke ukusoloko sigxeka urhulumente ngayo yonke into.
Ngamanye amaxesha nathi singabahlali sinalo igalelo elikhulu kwezizinto zenzekayo kwelilizwe ingakumbi xa kusiziwa kulwaphulo mthetho.
Urhulumente angaqhubeka etyala amagosa okulwa ulwaphulo mthetho kangangoko kwingingqi zethu kodwa ukuba thina singabahlali sifuna ukuqhubeleka nokwaphula umthetho sizakuqhuba.
Oku ndikuthethiswa yindlela ulwaphulo mthetho oluphezulu ngayo kwingingqi zethu nekubonakala ukuba sele lusenziwa ngenkani.
Eneneni inxalenye yamagqirha anaso isandla ekuphembeleleni ulwaphulo mthetho ngoba uninzi lwemigewu lisebenzisana nawo phambi kokuba liyokwenza lemikhuba yabo ingendawo. Ikwangamagqirha nathi anike izikrelemnqa imithi ethile ukuba angabambeki xa eyokuba okanye angadubuleki xa eleqwa ngamapolisa. Kukho inkolelo namarhe athe ndiii apha esithubeni nathi uninzi lonqevu liqala emagqirheni phambi kokuba ayokugila lemikhuba. Ukanti sele bebanjiwe uyakufika amagqirha namaxhwele ejikeleza ngaphakathi kwinkundla zamatyala ephethe iitasi zawo ezama iindlela zokubakhupha.
Ngapha urhulumente uyalungisa kanti kwelinye icala amagqirha enza eyawo. Into ebuhlungu kukuba kuzo zonke ezizinto zenziwa ngabanqevu bencediswa kwangalamagqirha ngamanye amaxesha eziziganeko bazenzayo ziye ziphume nodlolwazana. Baninzi abantwana babantu abaphulukene nemiphefumlo yabo besemisebenzi ngenxa yokuhlaselwa ngaba nqevu.
Sithi urhulumente makathini xa kunje? Kanti amagqirha lana yintoni umsebenzi wawo, ingaba umsebenzi wawo kukuphilisa isizwe okanye kukutshabalalisa.
Ewe ndiyavuma akhona amagqirha aluncedo ekuhlaleni nawenza umsebenzi wawo ngokusemthethweni.
Kubekho aba baligcuntswana nekubonakala ukuba basebenzisa iimithi emnyama(amayeza ayingozi) nekubonakala ukuba ngabo aba basebenzisana nezaphuli mthetho.
Kukho inkolelo ethi abantu abathwasayo intsimbi bayinikwa ngabantu abalel’ukuthula. Ndiye ndizibuze ukuba ingaba nalamayeza okanye le mithi ingcolileyo bayinikwa ngabo nayo? Ukuba yindlela aphila ngayo le, hayi ayilunganga mabaxoze mphini wumbi. Khona inoba baziva kanjani xa kukho umntu olanduleleyo eli ngenxa yezenzo zabo?
Sithetha nje sililizwe sixakene nemigewu ehlawulisa oosomashishini imali ngenjongo yokuba bazakubakhusela. Le migulukudu nesebenzisanayo nanje ngoko kuvakala ukuba baliqela, ngokuqinisekileyo nayo ikhona apho ihamba khona ngenjongo yokuzikhusela.
Ithi lonto urhulumente usengela ethungeni elivuzayo ngoba kuyabonakala ukuba akazuliwina eli idabi. La magqirha asirhuqela edakeni isithunzi sawo nanje ngoko kulindeleke ukuba aphilise isizwe.
Mna ndima ngelithi masithi simthwaxa urhulumente sibe siqale sazibhenca nathi. Sinegalelo elikhulu ekuchitheni eli lizwe.





