Nanje ngoko sisazi ukuba sele lifikile ixesha lokuya kwamakhwenkwe esuthwini, ndithi makhe ndidlane indlebe nabazali, khe siqwalasele izinto esizenzayo ebantwaneni bethu kuba sisithi siyabonwabisa.

Ingumbono ombi into esiyenzayo okanye imfundiso esiyihlohla ebantwaneni, ingakumbi amakhwenkwe xa elungiselela ukuya esuthwini.

Mihla le sikhala ngabantu abatsha abangazimiselanga ntweni okanye abasebenzisa iziyobisi kunye negqabi likalonji ngokugqithisileyo. Siyalibala ukuba nathi sinegalelo. Lento ndithetha ngayo ndiyazi kum.

Kulula emntwini omdala ukuthengela inkwenkwe ezakoluka utywala ingabucelanga ngelithi uyivisa kamandi.

Amakhwenkwe amaninzi angena enxilile ethengelwa utywala ngoobhuti okanye ngabazali babo.

Ayipheleli nje apho, naxa bephuma kuqhutywa umgidi ikrwala lide linikwe ibhotile yalo nebizwa nje ngomqamelelo ukulungiselela oontanga balo xa befikile.

Ingaba sisizwe esinjani esi sisakha ngembodlela?

Ngamanye amaxesha ufika umntwana engaziwa ukuba uyatshaya kodwa esakuba ngumkhwetha ayaqengqeleka amacuba ukuya ebhumeni ethengwa ngabazali.

Amaxesha amaninzi uyakwazi umntwana aye entabeni engatshayi engaseli athi xa ebuya ufumanise ukuba enye yazo uyayenza okanye uzenza zonke.

Ndiyaphinda ndiyatsho, singabazali sinegalelo ngamanye amaxesha kwindlela abantwana bethu abaziphethe ngayo.

Siyalibala ukuba iziphumo zento oyenzayo namhlenje zingomso.

Iyamangalisa into yokuba ithi inkwenkwe izifunele ukoluka kodwa thina sibe simnkcinkca ngotywala kuba sisithi siyamomeleza.

Ootata bayayazi ukuba benza ntoni utywala enkwenkweni ezakoluka, kodwa ngabo kuqala abasoloko benyengeza iibhotile ukuba le nkenkwe mayisele iqwebe isibindi. Ingaba asibuboni ubungozi obusifaka kuyo utywala?

Kutheni lento singakwaziyo ukuziqoqosha ngoba akakho umntu ongayaziyo imiphumela yotywala. Minyaka le siphulukana nabantu esibathandayo ngenxa yotywala.

Kubalulekile khe sizifune, senze izinto ngendlela. Kwelinye icala ndiyafuna ukuthi utywala abuyongxaki qha ingxaki sithi nendlela esibusebenzisa ngayo.

Eneneni abantu bakuthi bayazibaxa izinto ekugqibeleni zijike zibaxake. Akwaba besinokuyiqaphela indima edlalwa butywala ezimpilweni zethu. Iintsapho ezininzi ziqhekekile ngenxa yalamanzi asebhotileni.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article