Yimigcobo kwiilokishi ezahlukeneye ze Ntshona Kapa emva kokuba i 11 lamakhwenkwe angathathi ntweni ebuye engumqabaqaba ehlathini emva kokufinca isiko lolwaluko. Oku kwenzeke eKTC ngoMgqibelo umhla wama 21 kweyeSilimela.
Abaxholovane nabangena ngoLwesibini umhla we 13 kwinyanga ephelileyo, boluswe ngesisa ngumbutho Isibane Soluntu Initiation ngenxa yeemeko zobunzima kumakhaya abo.
Isibane Soluntu ngumbutho ozimeleyo nojongene nolwaluko kweli leNtshona Kapa.
La makhwenkwe aphuma kwiingingqi ezahluneyo kuquka iKTC, Gugulethu, New Crossroads, Paarl, Goerge kunye nezinye indawo.
Ukanti onke aphakathi kweminyaka engama 25 nama 49.
Umseki walo mbutho nokwayingcibi uAndile Ngalo, nowaziwa njengoZikhali, uchaze la makhwenkwe nanje ngangene phantsi kwephulo lakhe elijongene nokolusa amakhwenkwe simahla naphuma kumakhaya angathathi ntweni.
Ugxininise ngelithi onke lamakhwenkwe abuye engabikwa hlaba, watsho eyibethelela into yokuba wawolusa wakugqiba wahlala nawo ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela.
Ukhwele ezehlela kumadoda angayiyo entabeni ukuyokutyelela abakwetha, watsho esithi lihlazo elingathethelelekiyo elo.

Ngaxeshanye ukhuthaze abantu abangootata ukuba bathi gqolo ukuya kubona oonyana babo ukwenzela babanike neemfundiso ezizizo. Uthe amadoda amaninzi awayi entabeni ukuyobona amakhwenkwe kodwa xa amakhwenkwe ebuya kubhiyozwa abakhona.
“Ukwakha indoda kuthatha iminyaka, akuphelelanga nje phaya entabeni. Ukwakhiwa ke kudinga amaxhego nabantu abadala abasele benamava.
“Ukanti ke kukwafuna umntu ochubekileyo. Xa kuthethwa nala makrwala kuthethwa nabantu abalindeleke ukuba bavuse amakhaya abo. Awukwazi ukuyala inkwenkwe uthi ize yakhe ikhaya layo ube wena ungenamzi. Awukwazi ukuthi mababenentsebenzo ube ungasebenzi wena kuqala,” uthethe watsho uZikhali. Woleke ngelithi xa uyindoda kulindeleke ukuba nengqondo itshintshe.
Uqhubeke ngelithi impilo yalamakrwala isezandleni zawo, watsho wayigxininisa into yokuba inkoliso yawo awanabazali.
Omnye wabazali uMthetheleli Mpoyiya waseGugulethu ebengawuvali umlomo, watsho esithi indima edlalwe ngumbutho Isibane inkulu kakhulu.
“Ngumtshana wam lo woluke apha, udadewethu wasweleka ngo2015. Ebengenamntu wokumolusa ngoba nam andiphangeli.
“Kodwa namhlanje ndiyavuya ngoba naye uyindoda. Noba ndingasweleka kusasa ndakulala ndixolile ngoba ndimshiye umntana kadadewethu eyindoda,” uthethe watsho.
Uceba kaWadi 38 nobeyinxalenye yalo msitho uSuzanne Zumana uchaze lo msebenzi nanje ngesiqalo sendlela entsha kulamakrwala.
Uchaze ukwaluka nanje ngesiko elihlonitshwayo nelibalulekileyo kakhulu kwaNtu.
“Siyakholelwa ukuba umntu xa olukile ingqondo nezenzo zakhe ziyatshintsha ngoba uzelwe ngokutsha.
“Ngoku silindele ukubona abantu abazakusebenzela amakhaya abo.
“Abanye babo bashiywa ngabazali abasenawo nalo makhaya, ngoku luxanduva lwabo ukuba bazeke mzekweni bavuse lo makhaya ngoba bangamadoda,” uthethe watsho uZumana.
Uye wabongoza abahlali ukuba bawaxhase amaphulo akumila kunje, ngelithi aphuhlisa uluntu.






You must be logged in to post a comment.