Nanjengoko abantu abaninzi xa kufike ixesha lokusa amakhwenkwe entabani bebhiyoza, ingakumbi xa bebuya, ku Masithembe Rawe (onama 31) nohlala kwingingqi yase Extension 4, eMfuleni, livuselela amanxeba neenkumbulo ezimbi.
U-Rawe, nonkaba yakhe ikuTsolo, uthi rhoqo kufika eli xesha kuye kubabuhlungu ngaphakathi entliziyweni.
Uthi nangona waya esuthwini kwinyanga yoMnga kumnyaka wama 2011, iintlungu awadlula phantsi kwazo zisavakala. Uthi kuyo yonke lonto ubulela nje ukuba umphefumlo usadibene kunye nenyama.
“Ukoluka kwam akuzange kubelula. Sasingene sibabini. Ngexesha ndisentabeni ndaye ndagaxeleka ezintweni ezininzi ndagula nalapho kwanyanzeleka ndiyokulala esibhedlele. Ndaye ndavelelwa zingxaki ezininzi nezachaphazela ubudoda bam, nalapho kwaye kwanyanzeleka ukuba inxalenye yabo bususwe ngenxa yesimo endandikuso. Ndadingakwazi nokuchama oku ndiphelelwa ngamanzi nasemzimbeni,” ubalise watsho uRawe.
Woleke ngelithi kwanyanzeleka abalekiselwe esibhedlele nalapho waye wafakwa umbhobho ukuze akwazi ukuchama.
Uqhube wathi ngexesha kufuneka bephumile wayesesibhedlele, kwanyanzeleka ukuba usapho lwakhe liyokumboleka ayohlanjwa laze laphinda lambuyisela khona. Uthe akazange awonwabele umgidi wakhe ngenxa yezimeko.
“Ngonyaka ka 2011 ndandisenza ibanga lam leshumi. Iziphumo zebanga leshumi zaphuma ndisesibhedlele. Ndangena esibhedlele ngomhla wama 23 kweyoMnga ndayophuma ngomhla wama 21 kweyoMqungu kunyaka olandelayo. Saphuma ngomhla wama 26 kweyoMnga nalapho ndayothathwa nje okwethutyana esibhedlele ndaphinda ndaphindiselwa khona,” ucacise watsho uRawe.
Uthe emva kwesisehlo waphelelwa kukuzithemba, ezigxeka ngento yonke. Uqhube wathi wayecinga ukuba akazukwamkeleka nasekuhlaleni ngenxa yemeko ewayekuyo.
Oka Rawe uthe wamangazeka xa abantu belali yakhe kunye neendawo eziyingqungileyo bemamkela.
“Yaba ngumnqa kum indlela abandamkela ngayo, bandibonisa uthando nentlonipho. Ndandisele ndiphelelwe nakuzithemba naxa ndihamba noontanga bam. Onke amaphupha endandinawo ndandisele ndiwabona etshabalala phambi kwam ndijongile. Ndandisoyika nokuthetha ngengxaki eyandehlelayo kuba ndandisoyika ngokungathi ndihlaza isiko lamadoda,” utshilo uRawe.
Uthe uqale ukuba nesibindi sokuthetha phandle ngento eyamehlelayo kunyaka ophelileyo, nalapho wazixelela ukuba makavuselele amaphupha awayenawo ekukhuleni kwakhe.
Woleke ngelithi ukhe wahlala ixesha elide enomvandedwa ngenxa yesehlo esamehlelayo.
“Ndikhule ndingumntu othanda onobuhle. Ndandithanda nokubukela uSelimathunzi inkqubo eyayidlala kumabonakude kuSABC 1. Nam ndandizibona ndingomnye wabantu abangoosaziwayo konobuhle. Yinto leyo eyandenza kulonyaka uphelileyo ndizincame ndingenelele ukuba ngu Mister SA Global 2025, nalapho kwakungenelwa kumakhasi onxibelelwano. Ndibenenyhweba yokuba ndide ndiyokufikelela kwifayinali nezizakubanjwa kule nyanga sikuyo ngoMgqibelo umhla wama 26 ePitoli kwiphondo lase Rhawutini (“Mfuleni model is appealing for ‘Mister SA’ votes,” City Vision, 15 May),” uthethe watsho.
Wongeze ngelithi waye waqala nokubhala incwadi nekulindeleke ipapashwe ekupheleni kwalo nyaka nezakuba ibalisa ngengxaki eyamehlelayo esehlathini.
Uthe injongo zokuba abhale incwadi kukuzama ukhuthaza nabanye abantu abavelelwa ziingxaki ezikumila kunje ukuba baqine, bayazi ukuba abekho bodwa. Uthe ekugqibeleni isehlo esamehlelayo waye wasamkela kwaye samnika isizathu sokuphila emhlabeni.
“Ukulimala kwam entabeni akuzange ibe kukuphela kobomi bam. Kodwa yaba yinto endenza ndiqine ndibenesizathu sokuphila emhlabeni. Injongo yam ngoku kukuthetha phandle ngento eyandehlelayo ebomini bam. Kwaye ndifuna nokufundisa abantu ukuba ubudoda abupheleli nje phaya entabeni, koko yindlela umntu aziphatha ngayo ekuhlaleni,” utshilo uRawe.
Uyibethelele into yokuba ukulimala kwakhe kwamchaphazela ngamandla kwezothando nalapho waphela sele ethatha isigqibo sokuba makathi xha okomzuzwana.
“Emva kokuba ndiphumile esibhedlele ndikhe ndazama ukuthandana amatyeli amaninzi kodwa ndandiye kwamna ndinyamalale esithubeni. Ixesha elide endandikhe ndalithandana emva kokuba ndiyindoda yabazinyanga ezintandathu. Ingxaki ndiye ndizicingele ngoba kuye kubekho elaxesha xa nithandana kufuneke nabelane ngesondo. Kulapho ndiye ndinyamalale khona ngenxa yoloyiko lokungamkeleki,” utshilo uRawe. Uye wakhuthaza abanye abantu abakwisimo esifana nesakhe ukuba baqine kwaye bathethe phandle ngemeko zabo ukuzama ukukhuthaza nabanye.





