Usapho lakwaMkhosi kwingingqi yamatyotyombe iVukuzenzele eGugulethu lucela inkxaso ukuze lukwazi ukungcwaba umntwana walo nomzimba wakhe owafunyanwa ufakwe emgqomeni wenkunkuma.
Esi sihelegu nesashiya usapho lakwa Nkwali, lumatshekile senzeka ngoMvulo umhla wokuqala kweyeThupha kwisitalato iSagwityi eCrossroads. (”Isidumb’emgqomeni”, City Vision, 4 August).
Ngexesha iCity Vision ibindwendwele eli khaya ngeCawa umhla wesixhenxe kule nyanga umama kamfi uSonia Mkhosi (33) uthe belikhaya baxhelekile, kwaye abakwazi nokuthini.
Uqhube wathi intombi yakhe uyigqibele kwinyanga ephelileyo ngoba ibingumntu obehamba ehlala kule ngingqi.
“Umphanga kaAviwe (15) ndiwufumene ngolweSine umhla wesine kule nyanga sikuyo ngomnye umfana obengumhlobo wakhe.
“Xa ndifumanisa kukrokreleka ukuba udlwengulwe waze wabulawa eZwelitsha, eNyanga. Xa bethetha abanye babahlobo bakhe bathi wemka nomnye umfana okwangumhlobo wakhe kunye nodade wabo omncinci baya eZwelitsha,” uthethe watsho uMkhosi.
Ngaxeshanye uMkhosi uvakalise ukuba urhanele ukuba esi sihelegu sinayo into yokwenza nokusetyenziswa kweziyobisi.
Waleke ngethi intombi yakhe ibitshaya iziyobisi, kwaye uyibone izihlandlo eziliqela.
“U-Aviwe ukhule engumntwana olungileyo kwaye omamelayo. Ingxaki iqale emva kokuba waye wadlwengulwa ngumntu esingamaziyo eMakhaza kulo nyaka uphelileyo. Emva koko akazange aphinde alawuleke ngoba kulapho ndaqala khona ukumbona ukuba utshaya iziyobisi,” uthethe watsho.
Uqhube wathi lavulwa ityala emapoliseni wasiwa koonontlalontle ukuzama ukumlungisa ingqondo.
U-Mkhosi, noshiyeke nabantwana abane, uthe ingxaki abajongene nayo kukungcwaba intombi yakhe nanjengoko kunzima.
Uqhube wathi abanawo kwa umbutho kamasigcwabane.
“Asikadibani silusapho sithethe ukuba kuzothiwani okanye kusetyenzwa kanjani nangona amanye amalungu osapho sele ndiwaxelele ngalo mphanga.
“Ndiyacela amalizo nakuye nabani andincede okokuba ndingcwabe umntana wam ngendlela efanelekileyo,” ubongoze ngelitshoyo u-Mkhosi.
Wangeze ngelithi akalali ebusuku ucingana nesi sihelegu.
Nawuphi na umntu onomdla wokunceda angatsalela umnxeba uBetty Duli-Mkinase ku 073 189 3093.
Isithethi samapolisa ephondweni uSgt u-Wesley Twigg ukungqinile ukubanjwa kwendoda enama 36 eminyaka mayela nesi sihelegu.





