“Icingo lihlile ngoku, kuwela nomofu.”
Lawo ngamazwi kaNdithini Tyhido, usihlalo weKhayelitsha Development Forum (KDF), emva kokhuthuzo oluthe lwaqhubeka kwivenkile yakwa Spar, eMandela Park.
Esi siganeko senzeke ngoLwesine umhla we 10 kweyeDwarha.
Kubikwa ukuba oonqalintloko abasixhenxe bathe bambonzeleka kweli shishini bephethe imikhono yekati, ngezithuba zecala emva kwentsimbi yesithandathu kusasa.
Kubikwa ukuba bathathe isixa semali engachazwanga kunye neemfono-mfono zabasebenzi baze baphela emehlweni.
Ukanti uTyhido usikhalimele kakhulu esi sihelegu, watsho esithi izehlo ezikumila kunje ziyabaxhalabisa beli qoqo lezophuhliso eKhayelitsha, kwaye zibangela ukuba abatyali zimali babemadolwanzima ukutyala iimali zabo ezilokishini.
“Xa abatyali-zimali bebona iziganeko ezinje bazakoyika babone ukuba iimali zabo azikhuselekanga apho bazityala khona. Iimeko ezinje zikhokhelela kwintswelangqesho nakwabo bebesele bekwazi ukugxotha ikati eziko,” utshilo uTyhido.
Umemelele eluntwini ngobubanzi ukuba luphakame, lulwe imikhuba ekumila kunje, baze abo banolwazi babikele abakwantsasana.
“Sifuna ukubona kutshutshiswa, kugwetywa abenzi bezinto ezikumila kunje ngoba zichaphazela uluntu oluninzi. Ukukhuthuza kukuzicingela nje usisiqu ube ungayikhathalelanga indlela ethi ikuchaphazele ngayo ukuhlala lonto leyo,” umemele njalo uTyhido.
Uqhube wathi kuyakhwankqisa ukubona ukhuthuzo oluloluhlobo, watsho esithi kuyabonakala ukuba esi senze sicwangciswe ngendlela, nto leyo ethi abasemagunyeni bekumele bayakwazi ukuliqhawula lungekenzeki.
“Ezi ziganeko ziyacetywa, kwaye ziyenzeka kungakhange kubekho phazamiseko kwaphela. Bekufanele i-intelligence ziyakwazi ukubamba okanye ziyichithachithe lonto ingekenzeki kodwa kuyabonakala ukuba icingo lihlile, kuwela nomofu,” utshilo uTyhido.
Isithethi samapolisa eHarare, uKapt Siyabulela Vukubi uzingqinile ingxelo zokhuthuzo.
“Kubarhanelwa abasixhenxe ababini kubo bebephethe iimipu bakhuthuze uSpar isixa semali engachazwanga kunye nemfono-mfono zasesinqeni zabasebenzi. Bekungekavulwa, kodwa kulungiselelwa ukuvulwa ngelixa abanqevu bekhuthuza,” utshilo uVukubi.





