Ibiyimivuyo nemincili kumalungu eqela lebhola ekhatywayo lase Thembani, iMandalay United, ngexesha bephiwa impahla yokudlala kunye nezixhobo zonyango (first aid kit) yinkampani yoonogada yabucala kula ngingqi iCommunity Secure Solution (CSS) ngoMgqibelo umhla wesixhenxe kuCanzibe.
Ezinye zezinto ezifunyenwe liqela ziibhola ezine, iivesti zokuzilolonga ezingama 20, ikawusi, ooshoti, incwadi yokuqeqesha (coaching file) kunye ne coaching ladder.
Ongumphathi kule nkampani uLungile ‘Lholi’ Michael uthe kuyamonwabisa ukudlala inxaxheba ekuphuhliseni ulutsha. Uthe nanje ngomntu owaziwayo, nosebenza kule nkampani inceda uluntu, akhange ibe yinto enzima kuye xa umqeqeshi weUnited ecela uncedo. “Umqeqeshi we United uThobile uze kum ezokucela impahla zokudlala. Ndiye ndathetha kunye nabanye babaphathi enkampanini ukuzama ufezekisa iphupha lakhe. Asiphelelanga apho, siye saya nakwabanye oosomashishini abakulengingqi sihamba sicela inkxaso. Elowo nalowo uye wakhupha into anayo nkqu noogqirha bebekhupha amabhandeji,” utshilo Michael.
Waleke ngelithi ukholelwa ukuba ulutsha xa ngaba lusemabaleni lusinda kwizinto ezininzi.
Umqeqeshi weqela uThobile Ntaba akawuvali umlomo ngale nkxaso, watsho esithi izakubakhuthaza kakhulu abadlali bakhe.
“Besingenabo ooshoti kunye neekawusi besinezikipa zodwa. Ngoku ngokunxiba ikiti epheleleyo iyalwenza utshintsho kubadlali, kwaye nendlela ababukeka ngayo itshintshile,” utshilo uNtaba.
Uqhube wathi ngokufumana incwadi yokuqeqesha umsebenzi wakhe uzakuthi ubelula.
“Kulula uthetha nabadlali ngoku ngoba uthetha ngento abayibonayo. Nam andichithi xesha elininzi ndizama ukucacisa into enye. Ukanti nabadlali kulula ukuyiva nokuyibona lento ndiyithethayo,” utshilo.





