Inkaba yam ikuTsolo, kufutshane nakuQumbu, nalapho kuthe kwabulawa abantu abathandathu kwaze kwangxwelerheka abane. Ngokwengxelo amaxhoba ngabantu abebejongene nobundlobongela ekuhlaleni. Kubikwa ukuba bahlaselwe ngabantu abanjongo zabo ikukophula umthetho.

Esi sigeneko silandela esaseLusikisiki, apho kubulewe khona abantu abali 18.

U-Tsolo noQumbu bamelene, kwaye bayathungelana ngezinto, kwaye le meko inokuthi inwenwele kuTsolo.

Lo gama ezinkcukacha zingentla zingabalulekanga, eyona nto ibuhlungu yeyokuba isiganeko sakuQumbu besijoliswe ebantwini abalwa nolwaphulo mthetho.

Ulwaphulo mthetho yingxaki yethu sonke, kwaye sisoloko sixelelwa ukuba masiyeke ukusonga izandla silinde amapolisa alwe ubundlobongela.

Uninzi lwabantu luyawasabela lamakhwelo, kodwa iziganeko ezikumila kunje zenza abantu babemathidala ekuzinikeleni kula maphulo.

Kweli leNtshona Kapa iinkokheli zokuhlala, ingakumbi ezo zijamelene nolwaphulomthetho, ziphila obentshontsho ngenxa yokuqatsela kweziganeko zolwaphulo mthetho.

Kwisithuba esiphantse sibe ngangonyaka, ngomhla we 10 kweyoMnga, enye yeenkokheli zase Gugulethu uLuluma “Guffy” Dinginto wadutyulwa lahlanza iselwa kwisiganeko ekucingelwa ukuba sasinento yokwenza nomsebenzi wakhe wokulwa ulwaphulo mthetho ekuhlaleni.

Esi siganeko sakhokelela ekugevezeleni kwamadolo kuninzi lwabantu abalwa ulwaphulo mthetho. Noxa kunzima ukuvuma, inyaniso yeyokuba ukufa kuka Guffy kwabalilize. Xa kunamhlanje umbuzo ngowokuba lindawoni elityala? Siyazi ukuba kwabanjwa indoda kwisithuba seentsuku ezimbalwa emva koko, kodwa inyaniso emsulwa yeyokuba usapho lalahlekelwa, kwaye asoze liphinde limbone logama ubomi buqhubeka kuninzi lwethu. Umcimbi wolwaphulo mthetho unzima, kwaye ufuna wonke umntu onyuse ikawusi ngelithi kwanele. Umgaqo siseko weli uyabakhusela abophuli mthetho. Ndiyafuna ukuthi lifikile ixesha lokuba abahlali banikwe amagunya okuzikhusela nangayiphi indlela kwizaphuli mthetho, siyeke ukuxhomekeka emapoliseni. Asikwazi ukuphila obentshontsho ngenxa yeqaqobana lweentswelaboya ezizimisele ukumfimfitha igazi labanye abantu.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article