UNATHI OBOSE
Ukuzama ukukhuthaza nokuncedisana nabantwana ukuba bakwazi ukufunda kunye nokubhala uNomvuzo Bam wakwaLanga usungule iphulo nalibiza Imbola Literacy Programme, nalapho ancedisana nabantwana abafunda kumabanga aphantsi kulangingqi.
Eli phulo nalisungule kwinyanga yeKhala kunyaka ophelileyo uthi ligxile kakhulu kubafundi bebanga lokuqala (Grade1) ukuya kwele sixhenxe (Grade7).
U-Bam, nongumama wabantwana abane, uvakalise uthando lwakhe lwabantwana. Ngenxa yoku uthi waqaphela ukuba uninzi lwabantwana abakumabanga aphantsi abakwazi kufunda, ukanti nabo bafundayo bafunda nje abawubambi umxholo walento bayifundayo.
Uhambise wathi bangaphezulu kwamashumi amabini abantwana abancedayo.
“Uninzi lwabantwana, ingakumbi aba bafunda kwizikolo ezisekuhlaleni, abakwazi ukufunda ncam, bohluleka kwakukupela amagama. Kuba ndingumntu okuthandayo ukufunda, ndaye ndaqonda ukuba mandizidine ndiqokelele aba bantwana bancinci ndibancedise ekufundeni nasekwenzeni imisebenzi yabo yasekhaya xa bebuya esikolweni. Siye sidibane qho ngoLwezibini nangoLwezine ngecala emva kwentsimbi yesihlanu ukuya kuma ngecala emva kwentsimbi yesithandathu ngorhatya,” uthethe watsho uBam.
Woleka ngelithi badibanela kwiholo iGuga Sthebe.
Uchaze ukufunda nje ngesakhono esibaluleke kakhulu nesikwanegalelo ekuphuculeni indlela umntu athetha nabhala ngayo.
Uqhube wathi inkoliso yabantu abangakwaziyo ukufunda baye baphele sele beyeka phakathi esikolweni nto leyo ethi ibenegalelo ekonyukeni kobundlobongela ekuhlaleni.
“Xa ngaba abantu abaninzi beyeke phakathi esikolweni inxalenye yabo iye ithi ngokungaphangeli iphele sele izibandakanya nobundlobongela. Ukanti nokungafundi kongeza intlupheko kumakhaya amaninzi,” ucacise watsho uBam.
Uqhube wathi akoneli nje ngokufundisa, uye andwendwele nabazali kunye nootishala babantwana xa ngaba ikhona imfuneko.
Uye wayibeka yacaca ukuba akayiyo itishalakazi kwaye akanazo nezifundo ezinxulumene nayo.
U-Bam uthe baye bakhuthaze abazali ukuba bancedise abantwana babo ekwenzeni imisebenzini yabo yasekhaya. Ugxeke abanye babazali ngokungathathi nxaxheba ekujongeni incwadi zabantwana xa bebuya esikolweni.
“Abanye babazali xa sithetha nabo baye bakhale ngokuba abantwana babo abafuni kumamela xa bethetha. Kulapho siye sicebise khona ukuba abazali mabangabikho rhabaxa xa bethetha nabo, mabazame ukuqonda unobangela. Ngoba ngelinye ixesha umntwana xa engaqhubi kakuhle esikolweni uye aphele sele ephantsi koxinezelelo oluninzi nalapho aye aphele sele ethetha nje okanye engaphenduli ngendlela,” ucacise watsho.
Ukwakhuthaze abazali ukuba babenemithetho engqingqwa ebantwaneni, ingakumbi xa kufuneka benze umsebenzi wasekhaya.
U-Bam ucebise ngelithi kubalulekile ukuba abazali bacime umabonakude bathathe neminxeba yabo xa ngaba kufikelele ixesha lokusebenza ukuze bakwazi ukugxila kulento bayenzayo.
Uqhubeke wathi baye babancedise abantwana benze amakhadi kumathala encwadi khona ukuze bakwazi ukuboleka iincwadi zokufunda.
Umzali u-Alicia Somana uqhwabele izandla uBam watsho esithi umsebenzi wakhe uyabonakala. Uthe umntwana wakhe wayekade engakwazi ukufunda kodwa emva kokuba edibene noBam uyazama.”Umntwana wam uyakwazi ukuzifundela ngoku ndingadange ndabe ndiyamncedisa. Uyakwazi nokupela amagama into ebengakwazi ukuyenza,” uthethe watsho.





