Kufunyenwe izicubu zomzimba wosana kwikhonteyina yenkunkuma eNkanini

usana
Abanye babahlali beme phambi kwekhonteyina egcina inkunkuma eNkanini. UMFANEKISO:

Bashiyeke bebambe ongezantsi abahlali bengingqi yamatyotyombe iNkanini, eHarare, emva kokuba kufunyenwe izicubu zomzimba wosana kwiikhonteyina ezimbini ezigcina inkunkuma kula ngingqi kusasa ngeCawe umhla wama 21 kweyoMsintsi.

Ezi zicubu zifunyenwe ngabantu abasebenza kwezakhonteyina nabachola inkunkuma kula ngingqi.

Umhlali uNomha Mhlawuli, nohlala kufuphi kulendawo, uchazele iCity Vision ukuba ezi zicubu zifunyenwe zihlohlwe eplastikhini.

“Mna ndibone abantu beligquba bengqunge enye yezikhonteyina. Ndiye ndaya ndayokukroba xa ndifika ndothuswe kukubona le plasitikhi kusithiwa inezicubu zomzimba wosana nekubonakala ukuba unqunqwe wazicubu ezincinci,” uhambise watsho uMhlawuli.

Woleke ngelithi kuvakala ukuba aba bantu baqale ngokubona isandla sosana kwenye ikhonteyina ekude kufuphi nale nayo ekwagcina inkunkuma.

Uqhube wathi ngokubalisa kwabantu abayibone kuqala kurhaneleka ukuba umama wale mveku uyizele nje wakugqiba wayibulala.

Uthe abahlali bebeceba ukubamba intlanganiso ekhawulezileyo ukuze kuhlolwe wonke umntu obhinqileyo mayela nesi senzo. “Andiyazi nokuba bade bahlangana na, kodwa bekusithiwa kuzokubizwa wonke umntu obhinqileyo baveze amabele basengwe kujongwe ukuba akuzuphuma bisi na. Bekusithiwa umntu ngamnye kufuneka aze nomelwane wakhe obhinqileyo,” uqhube watsho.

Woleke ngelithi akaqondi ukuba lomntu wenze esi sihelegu usekhona ekuhlaleni.

Wongeze ngelithi iyaqala ukwenzeka into ekumila kunje kule ngingqi susela oko wahlala phaya susela ngonyaka ka 2002.

Isithethi samapolisa ephondweni Kapt FC. van Wyk usingqinile esi siganeko watsho esithi amapolisa aphanda unobangela wokufa.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article