Amalungu esigqeba sombutho ojongene nesiko lolwaluko kwaLanga, Embo amema onke amadoda aphumelele kwintlanganiso ezakubanjelwa eGuga Sthebe ngeCawe umhla we 15 kweyoMsintsi ngentsimbi yokuqala.
Le ntlanganiso ingokunika ingxelo mayelana nolwaluko ngexesha lasebusika kunye nomkhomba ndlela ngobhaliso lwamakhwenkwe azokwaluka ngexesha leholide zasehlotyeni kwihlathi lakwaLanga. Ngengcombolo ezithe vetshe qhagamshelana nosihlalo uMandla Mlambo ku 082 091 3193.
. Umbutho ojongene nolwaluko iKhula Mkhwetha eMfuleni, nophantsi kukaSomagwaza Institute, wazisa abahlali ukuba sele uqalisile ukwalusa amakhwenkwe. Lo mbutho usebenzisana nezingingqi zilandelayo Eersterivier, Wesbank, Bluedowns ne Driftsands. Indawo yokwalusela okanye yokugcina abakhwethe ingakulamangcwaba amatsha ngaseBossasa. Ngenkcukacha ezithe vetshe tsalela uRhudulu ku 073 018 1120


