Ndiwothulela umnqwazi umbutho ojongene nolwaluko kweli le Ntshona Koloni uSomagwaza Institute nozinze kwingingqi yaseGugulethu ngomsebenzi omhle owenzayo minyaka le.
Susela kwiminyaka emithathu edlulileyo, lo mbutho wenza imbali ngokuncedisana namakhaya angathathi ntweni, nalapho uye ungenelele ekoluseni oonyana babo. NgoLwesihlanu umhla wesibhozo kule nyanga sikuyo, lo mbutho uqhubekile wenza odume ngazo wafaka ooxholovane abangama 47 onke, naphuma kwiingingqi ezahlukeneyo zephondo nenye yawo esuka eMpuma Koloni.
Nanje ngoko bendingomnye wootata ababezimase lo msitho, phambi kokuba lamakhwenkwe aye ehlathini, ndivuyiswe kukubona indlela abantu abangootata ebebesebenzisana ngayo kuquka namakhankatha. Bendiqala ukuwuzimasa lo mcimbi. Amaxesha amaninzi ndibakhona xa ebuya ehlathini.
Eneneni ukuba yinxalenye yalo msitho kundenze ndawubona indlela obaluleke ngayo kula makhwenkwe, nto leyo iye yandishiya ndinengqondo zimbi kwaguquka nkqu nendlela ebendicinga ngayo, kwaphenduleka nemibuzo ebendinayo.
Kwabanye babo ubuyibona nje imeko ibhalwe ebusweni. Ithi lonto ukuba ebengekho uSomagwaza abanye babo bebengasoze babengawo amadoda.
Eminye yemibuzo ebendinayo nebendisoloko ndizibuza yona kukuba bangcanyiswa okanye bojiswa njani, nanje ngoko besuka kumakhaya ohlukeneyo.
Kodwa ngokwemeko endiyibonileyo ndiphele sele ndiziphendula ndisithi kakade kwaXhosa kuthiwa isiko lisemlonyeni. Ithi lonto xa ngaba kuthethiwe nawe uzophila.
Enyanisweni inye into abeyilangazelela nebisengqondweni yawo la makhwenkwe, kukuzibona engamadoda azokutsho ahlonipheke ekuhlaleni.
Lonto iye yandinika ithemba lokuba akukho ndoda ebhadlileyo nechubekileyo enokucalucalula okanye yanyelise enye indoda ngenxa yentlupheko yayo.
La makhwenkwe ahambe indlela ehanjwe ngawo onke amadoda akwaXhosa enye nenye aninakuyibeka emagxeni abo nanjengoko engazikhethelanga intlupheko.
Ngoku kufuneka olulekwe ngokwasengqondweni, kwaye afundiswe ngendlela yokuziphatha xa ngaba umntu eyindoda.
Akakho umntu onokuzinqwenelela intlupheko notsala nzima. Abanye babo isenokwenzeka ukuba baphela begaxeleka ezintweni ezingalunganga ngenxa yempatho mbi ekhaya okanye yokungabinabazali.
Ngokwesintu umntwana uyakwazi xa esenza izinto ezigwenxa okanye imikhwa angxoliswe ngomlomo atsho aphile engadange wabe wenzelwa isiko xa ngaba amandla wokuqabelisa isiko engekho. Ngethemba lokuba na lamakhwenkwe azakubuya engamadoda apheleleyo.
Siwabonile amadoda athi enzelwe zonke izinto ekufanele ukuba ziyenziwa xa ngaba inkwenkwe izakungena kodwa umntu athi esakubuya entabeni aphele esisidlwengu okanye engumbulali awaziwayo. Nkqu kwale yokuba indoda ufike inabantwana abasibhozo komama abohlukeneyo iyakrokrisa.
Okubalulekileyo xa uyindoda kulindeleke ukuba ubengumzekelo olungileyo ekuhlaleni kunye nakusapho lwakho.
Eneneni kubalulekile ukuba phambi kokuba sigxeke siqale sijonge isizathu. Okubalulekileyo noyena ndoqo kukukhawulelana nemeko okanye intlungu yomntu endaweni yokugxeka okanye sihlekise ngayo.




