Impilo inzima, ifuna abomeleleyo. Wayibona lento uZahara. Kunzima kwiindawo zethu, hayi nje indaba yokudlala. Akuthembakali mntu, nditsho nomntwana lo unemifinya. Ingxaki yile mipu uthetha ngayo (“Makubhangiswe imithetho egunyazisa imipu” City Vision 22 August). Ngoku kunzima nokubuza xa ubona umntu esenza into engekhoyo, ngoba awuyazi ukuba uthembele ngantoni. Siphetheke kakubi ezindleleni ngabaqhubi abenza unothanda, siphetheke kakubi ekuhlaleni ngoonyana, siphetheke kakubi emizini yethu. Akho kuphumla. Ulala ungayazi ukuba uzakuvuka usaphila, uphangela ungayazi nokuba uza kubuya uphila. Ndiyalingqina elokuba kufuneka urhulumente enze into ngale mipu igcwele izandla, kungenjalo ikamva lesizwe sethu liyatshabalala.


Sinethemba Mpayipheli, eKhayelitsha

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article