Ungatsho uthi andilandeli ukuba uyafuna, kodwa zikhona nje izinto apha ebomini endizibona njengenkcitha xesha. Ubuchwephesha bale mihla buyitshintshe kakhulu indlela esenza ngayo izinto. Phakathi kokunye busenzela ubomi lula, ngaxeshanye busichaphazela gwenxa.
Ndakhula ngexesha kwakubhalwa iileta ukuqhakamshelana nezihlobo ezikude, kubethwa ucingo xa kukho umphanga, kuthi ukuba unethamsanqa uhlawule intywenka yemali yokuthetha emnxebeni. Zonke ezo zinto zaphela. Ngoku ukuba kutshaba umntu apha eKapa lithi litshona ilanga zibe zonke izihlobo ziwazi umphanga.
Zininzi izinto ezintle ezize nobuchwephesha, kodwa zikwaninzi nezigwenxa.
Umzekelo, baninzi abantu abahleli emakhaya ngenxa yokunqongophala kwemisebenzi, neyenziwa ngobuchwephesha.
Ngoku sithetha ngezinto ezifana noo Uber, Takealot kunye nooMr Delivery ezenza zikwazi ukuthenga sihleli kumakhaya ethu. Kulapho ndifika ndibe nengxaki, ingakumbi xa kuthethwa ngokutya.
Njengomntu osebenze kwenye yeevenkile ezinkulu zeli loMzantsi Afrika iminyaka emine, kuninzi endikwaziyo okwenziwa kwiivenkile zokutya okungaziwayo ngabathengi. Ngaxeshanye ukusebenza kwam kule venkile kwandivula ingqondo. Kungako ndingakholelwa ekuthengeni izinto kumakhasi onxibelelwano. Ingxaki yam ndifuna ukuyibona ngamehlo enyama into endiyithengayo. Oku kuyandinceda ekuthatheni isigqibo esiphuhlileyo ngokwamaxabiso kunye nomgangatho walonto ndisukuba ndiyithenga.
Kutsha nje ndibone ityendyana elisebenza kwenye yezinkampani zihambisa ukutya lifika kwiziko lokuzilolonga lityathe ezibhegi bafaka kuzo ukutya.
Ingqondo yam icinge ukuba uzisela mntu uthile ukutya, kanti ndiwubhudile umhlola. Endaweni yokuba kupoqe ukutya kule bhengi yakhe iluhlaza, unkabi ukhuphe izinto zakhe zozilolonga, kuquka iiteki.
Ndothuke ndaphantse ukufa, ndafane ndabulela nje ukuba ndingengomntu osebenzisa ezinkonzo. Ingqondo yam ithathe ibeka ndizibuza ukuba ingaba le bhegi uzakuphinda athuthele ngayo abantu ukutya. Xa kunjalo, kucoceke kangakanani oku kutya akuhambisa ebantwini. Into esiyifaka esiswini kumele ibe kwizinga eliphucuke kakhulu.
Sithetha nje sinengxaki yokutshaba kwabantu, nekutyholwa ukuba babulewe kukutya okuthengwe kwizikroxo ezithengisa ukutya ekuhlaleni. Yenzeka njani into yokuba umntu asebenzise ibhegi yokuthutha ukutya ejimini. Inyaniso yeyokuba sisezakuhlangana neembila zithutha bobu buchwephesha sibuthanda kangaka.




