Ithi iqule yalingangatha imibutho ejongene nolwaluko ephondweni ukuqinisekisa ukuba onke amakhwenkwe azakuthi angene ngeeholide zobusika abuya ephilile.
Njengesiqhelo luthotho lwamakhwenkwe ekulindeleke ukuba aye entabeni kwezi veki zimbalwa zilandelayo ukuya kuqabelisa isiko lobudoda.
Ngokweengxelo, sele liqhuba eliphulo, kwaye kulindeleke ukuba livalwe ekupheleni kwenyanga yeThupha.
Usihlalo weEmbo Initiation Forum kwaLanga uMandla Mlambo uthe yonke into ime ngobume. Uqhube wathi sele beqalile bona ukufaka amakhwenkwe kweli labo icala nangona amanani asephantsi.
Uhambise wathi kulindeleke ukuba amanani amakhwenkwe angenayo aye esenyuka ngokuya iveki zihamba, watsho ebongoza abazali babantwana abasehlathini ukuba bathobe amaxhala ngelithi basezandleni ezikhuselekileyo.
“Okwangoku zonke izinto zisahamba ngendlela akukabikho nto ixhalabisayo nanjengoko amakhwenkwe angenileyo asembalwa. Amakhwenkwe amaninzi azakungena emva kokuba egqibile ukubhala iimviwo zaphakathi enyakeni. Sikwabongoza nabazali ukuba balandele yonke imithetho nemigqaliselo ebekwe ngurhulumente ukuze kungabikho ziphazamisi,” ucacise watsho uMlambo.
Waleke ngelithi, phambi kokuba inkwenkwe iye ehlathini kunyanzelekile ukuba iyokuhlolwa kwiziko lezempilo nalapho kuzakuqinisekiswa khona ngempilo yayo.
Uhlabe ikhwelo kumakhaya angenabo ootata okanye amadoda ukuba acele nokuba zizalamane zincede zibajongele abantwana.
“Ezinye zeengxaki esithi sijamelane nazo ngelixesha ngabazali abasa abantwana esuthwini bakugqiba bangabandwendweli. Siye sikhuthaze ukuba baxele zonke inkcukacha ezibalulekileyo malunga nomkhwetha lowo. Umzekele asazise xa ngaba umkhwetha lowo xa esitya iipilisi okanye xa enesigulo esithile anaso ukwenzela ukuba simqwalasele, kwaye sikwazi ukuncedisana naye,” uthethe watsho uMlambo.
Waleke ngelithi kwabo basela amayeza kunye neepilisi ukuzama ukukhusela impilo zabo bavumelekile ukuba bazisebenzise nasebhumeni.
U-Mlambo uthe onke amakhankatha abo aqeqeshwe ngokusemthethweni. Uye wabongoza iintsapho zabakhwetha, ingakumbi ezingamadoda, ukuba ziyolala ebakhwetheni zikwazi ukujongana ncakasana nomkhwetha wabo.
“Siyabacela ootata nabafana abazalana nabakhwetha ukuba bayokulala ebakhwetheni ukwenzela bakwazi ukufundisa unyana wabo oko afanele ukuba akwazi.
Andizukwazi mna ndinguMngcina ndazi amasiko wasemaMpingeni okanye eMaQwathini. Mhlawumbi ezinye iintsapho zikhona izinto abazenzayo xa inkwenkwe yabo isehlathini. Sesona sizathu sibangela ukuba sibavumele abantu bahlale nonyana wabo,” ucacise watsho uMlambo.
Ukanti uSikelela Zokufa, nongomnye wabaseki bombutho iSomagwaza Institute, uye wazingqina ezingxelo, watsho esithi yonke into ingonina.
Utyatyadule wathi sele beqalile ukufaka amkhwenkwe okuqala. “Yonke into isahamba ngendlela okwangoku akukabikho monakalo.
“Siyababongoza abazali ukuba bathumele iingubo ezaneleyo ebakhwetheni ngoba kuyabanda,” ubongoze ngelitshoyo Zokufa.
Uthe banamakhankatha angama 35, kwaye onke aqeqeshwe ngokusemthethweni.
U-Zokufa nokwayingcibi uchaze umsebenzi wakhe nanje ngonzima kakhulu nalapho kuye kufuneke awuthobele.
Uthe minyaka le befaka amakhwenkwe abazange babanengxaki, watsho eqinisekisa ukuba nakweli ityeli akusayi kubakho ziphazamiso.





