Amalungu enkonzo yamaWisile iNonzwakazi, eGugulethu, ebephume ngombuninzi, ibinguphantsi phezulu elungiselela umsitho wokubhiyozela iminyaka engama 60 elibandla lasekwayo.
Lo msitho nobubanjwe iintsuku ezimbini, uMgqibelo umhla wesihlanu kunye neCawe umhla wesithandathu kweyoDwarha, ubukwagxile ekuzobeni imbali yenkonzo, indlela eyaqala ngayo kunye nabafundisi ababekhona ngelo xesha.
Ngexesha iCity Vision ibityelele le nkonzo ngoMgqibelo, ifike inguphantsi phezulu, amanye amalungu ecawe epheka ngelixa abanye abantu bebehleli nje bezonwabele kwalapha eyadini.
Osisithethi secawe umshumayeli Masithembe Mxi uchaze lo msitho nanje ngendlela yokukhumbula imvelaphi yebandla kwanokuhlahl’indlela eya phambili.
Ukanti ukwayichaze nanje ngendlela yokuvuselela kwanokutsana amalungu amatsha ukuba aze ecaweni.
“Yimpelaveki enkulu kakhulu kuthi singamalungu enkonzo ngoba sibhiyozela iminyaka eli 60 yonke yasekwayo le nkonzo.
“Siyazingca ngale nkonzo ngoba zininzi kakhulu izinto ezenzayo apha ecaweni kunye nangaphandle ekuhlaleni,” uthethe watsho uMxi, watsho ebalula ikhaya labantu abadala nabakwizimo ezinobuzaza, i-Ikhaya Loxolo nje ngelinye lamaziko abasebenzisana nawo.
Uqhubuke wathi bakwanawo namanye amaphulo abawenzayo ekuhlaleni uquka ukuhamba bevelela iintsapho ezitsala nzima bazixhase ngalonto bakwaziya ukuxhasa ngayo.
“Asingomalungu nje ecawe sikwangabo nabahlali. Qho emva kokuba amakrwala ebuyile entabeni siye siwameme aze ecaweni nalapho siye sithethe nawo ngenjongo yokubaluleka nokubabonisa indlela. Ukanti kwa ezinye izakhiwo zethu zecawe siye sizivulele abahlali ukuba babambe indibano zabo,” uthethe watsho, uMxi woleka ngelithi icawe yabo yicawe yabantu.





