Abahlali base Bardale eMfuleni bashiyeke benkwatya emva kwesithwakumbe sokudutyulwa kwabafana ababini.

Esi sihelegu senzeke ngo Lwesihlanu umhla wama 28 kwinyanga ephelileyo.

Kungoku nje abahlali bathi banovalo boyikisela ubomi babo.

Unobangela wesi sehlo awukaziwa.

Omnye wabahlali nozibize njengo Ngconde, nohlala kude kufuphi nalapho kwenzeke khona esi sihelegu, uthe yena wafika abafi bedunduluzile.

“Mna ndifike ndisuka e-Ext 6 ngorhatya sele kugcwele abantu endleleni bebukele. Kodwa akhange ndisondele ndiyibone loo mizimba ndime qelele ngenxa yokuba namasikizi,” utshilo.

Uqhube wathi bobabini abafi bebekhangeleka okwamakrwala ngenxa yezinxibo.

Uhambise wathi ukudutyulwa kwabantu ayiyonto inqabileyo eMfuleni jikelele.

“Andiqinisekanga ukuba babulewele ntoni ngoba khange ndisondele. Nalapho ndiye ndakhawuleza ndahamba ingekathathwa imizimba,” uthethe watsho Ngconde.

Uqwele ngelithi ubongoza amapolisa ukuba athi gqolo enze ugqogqo ezitalatweni.

Isithethi samapolisa ephondweni uKapt Frederick Van Wyk uye wasingqina esi sehlo, watsho esithi amapolisa aseMfuleni aphanda amatyala okubulala amabini emva kokudutyulwa kwisitalato iMinster eBardale apho amadoda amabini aphakathi kweminyaka engama 23 nama 24 abulewe abhubha.

Uthe unobangela wesi sehlo usaphandwa.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article