Bavule izifuba abazali bathetha phandle ngendlela abaziva ngayo ngabantwana babo

FREE GENDER
Umseki wombutho iFree Gender uFuneka Soldaat ethetha nabazali ngexesha lendibano. UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Bafumene ithuba lokuphalaza imbilini yabo, ze baphinda bachebane iinduma abazali babantwana abathandana besisini esinye ngethuba kubanjwe indibano yasesidlangalaleni kwiholo laseMakhaza, iWhite House, ngoMgqibelo umhla wama 23 kweyeThupha.

Le ntlanganiso, nebiquka abazali abasuka Khayelitsha, eMfuleni, kunye nase Strand, ibiququzelelwe ngumbutho ozimeleyo nongenzi nzuzo iFree Gender ukushukuxa uthotho lwezinto ezibandakanya abazali abakhulisa abantwana abakwesi simo.

Umququzeleli wale ndibano aphinde abe lilungu lalombutho uLamla Nombewu uchaze le ndibano nanje ngeqonga nalapho abazali bebekhupha imbilini yabo, kananjalo bethetha phandle ngabantwana babo.

U-Nombewu uyichaze lentlanganiso njengenyathelo lokuqala lokuvuselela ubuhlobo phakathi kwabazali nabantwana babo nanje ngoku uninzi lwabantwana abakule meko baye bazifumane bengamakheswa kumakhaya abo.

“Injongo yokuba sibize abazali besifuna ukuva indlela abaziva ngayo nanje ngoko benabantwana abathandana besisini esinye. Besikwafuna nokuqonda ukuba zintoni izinto abangazithandiyo ngathi nabanqwenela ukuba singazitshintsha. Nokuba kutheni abanye bengafuni ukubamkela abantwana babo bakuva ukuba bathandana nabantu abafana nabo,” ucacise watsho uNombewu.

Utyatyadule wathi bayila ukuba nendibano ekumila kunje rhoqo ngonyaka, nalapho bazakuqhubeka besabelana ngezimvo nabazali

“Sifuna ukuba nequmrhu la bazali nalapho kuzakuthi xa siye safumanisa ukuba ukhona mhlawumbi umntana ongamnkelekanga kowabo sizokhupha igqiza labazali lihambe nalomntana uchaphazelekayo lithethe nabazali bakhe,” wongeze ngelitshoyo uNombewu.

Uqhube wathi bengamalungu ombutho wabantu abathandana besisini esinye abaziboni bekhuselekile ekuhlaleni ngoba basaxhatshwazwa noxa sele inkulu indima ehanjiweyo ukulwa nalomkhwa.

Ubalule ukudlwengulwa, ukubulawa, nokubizwa ngamagama amabi nanje ngeminye yemiceli mngeni abajongene nayo ekuhlaleni.

Edadela enzulwini mayela nezikhalazo zabanye babazali, uNombewu ubale ukugoloza kwabanye babantwana xa bethunywa, ukusela utywala ukutshaya nokuhamba ngobusuku njengezinye iingxaki.

Uvumile ukuba banolwazi ngezinye zezingxaki, watsho esithi kubalulekile ukuba abantwana bathobele abazali babo.

Umzali uNolubabalo Kalo, nohlala eSite C, uyichaze le ndibano nanje ngebifundisa neyakhayo. Uthe le ntlanganiso imvule ingqondo nangakumbi.

“Ndinaye mna umntana wam oyintombazana oneminyaka engama 26 nothandana namanye amantombazana. Ndiqale umazi ngonyaka ka 2019 ndimva ngomnye wodade wabo. Andizange ndibenangxaki nalonto ngoba kaloku ndandingafuni ukumgxotha aphele elixhoba esithubeni. Futhi ke apha endlini akananto angayenziyo ekufanele ukuba uyayenza. Inye nje into endingayifuniyo kukuba anxibe impahla zamadoda. Hayi ke soze,” uthethe watsho uKalo. Woleka ngelithi uyamoyikisela ngoba ingathi angaxhatshazwa.

Uthe kwasekukhuleni kwakhe umntana wakhe wayekuthanda ukudlala namakhwenkwe, ingakumbi ukudlala amabhasitile. Uye wabongoza abazali ukuba babengotshomi babantwana babo bangabanyhashi.

“Hay mna andinangxaki angaza nomntu athandana naye apha endlini bahlale futhi. Bangalala ukuba bayafuna kodwa bangabambabambani balale nje. Abazukwenza lonto kaloku kwam,” uvalelise ngelitshoyo uKalo.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article