Baqumbe basisifu abahlali base Samora Machel, batyhola isiXeko saseKapa ngokubalahla kwesinomhlwa.
Okona kutshisa ibunzi kukunqongophala kohanjiso lweenkonzo, ingakumbi ulungiso lweendlela.
Balilisela ngelithi akukho nto intle kwaphela kulo mmandla, iindlela zonakele ngelixa imibhobho yelindle igqabhuka oko nethi ishiye isankqange sevumba.
Umhlali Vuyiswa Dastile, nohlala kwisitalato i-Joe Gqabi, uchaze imeko abaphila phantsi kwayo njengembi kakhulu, watsho esithi ifanele ukuthathelwa ingqalelo ngokukhawuleza le nyewe.
Uqhube wathi abohlukanga kubantu abahlala ezimbacwini.
“Ivumba uliva usangena eSamora. Kunuka ilindle nje indawo yonke apha. Isitalato ngasinye sinemingxunya okanye ilindle elidada endleleni. Apha ingxaki engamandla lilindle elidada kuyo yonke indawo. Hayi sisenyhunyhwini apha,” uthethe watsho uDastile.
Woleke ngelithi basemngciphekweni wokugula ngoba umoya abawuphemfumlayo awumhlanga.
Ugxeke waxabela indlela ezakhiwe ngayo izitalato zabo, watsho esithi azikho semgangathweni.
“Into endiyibonayo kutyiwa imali qha apha ngurhulumente akukhathalwa. Asihoywanga. Indlela yenziwa ngoku, kwinyanga elandelayo sele ixobuka. Iyakuxelela nje lonto ukuba kudlalwa ngathi apha,” tshilo uDastile.
Lo mama, nonabatwana abathathu, uthe zonke iindlela zaseSamora zifuna ukuxotyulwa ziqalwe ngokutsha.
Ukanti omnye umhlali ozibize nje ngoMalibongwe uthe imeko yezendlela kule ndawo iyaxhalabisa.
“Mna ndisola eli lindle lidada ezindleleni ngokuba linegalelo kwezindlela zimoshakala oko apha eSamora. Ngoba kaloku eli lindle lihlala ixesha elide lingacocwa lide limoshe nendlela,” ucacise watsho uMalibongwe.
Uqhubeke wathi ukrokrela ukuba inoba imibhobho yelindle midala kwaye ifuna utshintshwa.
Uthe mihla le kusoloko kukho isitalato esinedreyini egqabhukileyo.
“Ukuba uyaqaphela ukusuka ezantsi ngakwisitishi samapolisa ukuya kutsho ngakwindawo yamatyotyombe iKosovo kugcwele ilindle nje endleleni kuyanuka. Ayikho into ethi uhamba ezindlini apha,” uthethe watsho.
Woleka ngelithi inkoliso yabantu baseSamora banengxaki nolusu ebusweni kunye nasemzimbeni.
Ugxeka abahlali ngokungakhathali, watsho esithi bangunobangela wayo yonke le meko. Phakathi kokunye uthe balahla inkunkuma yonke indawo.
“Kodwa nathi kuyafuneka sizijonge ngoba sithi aba bavala ezidreyini ngokugalela ukutya nezinye izinto ezimdaka. Abanye abantu xa betshayela izitrato ufike inkunkuma beyifaka edreyinini,” uthethe watsho.
Uceba kwadi 33 uLungisa Somdaka uthe unolwazi ngale meko, watsho esithi isiXeko siphezukwayo.
“IsiXeko simanxadanxada silungisa iindlela ngoku ndithetha nawe siqale kuleveki iphelileyo ngoLwesithathu umhla we 16 kweyeDwarha. Kulindeleke ukuba babe sele belungise zonke iindlela ezinengxaki ngentsuku nje ezisibhozo. Kodwa ukuba abagqibanga bazakuqhubeka basebenze bade bazigqibe,” uthethe watsho uSomdaka.
Uye wagxeka abahlali ngokuba ngunobangela womonakalo.
“Apha sinengxaki nabantu abathi xa besakha okanye belungisa izindlu zabo bathathe lo matye bayokuwafaka ezidreyinini neziye zivaleke zonakale. Ezi dreyini azinazo neziciko zibiwa ngoonqevu,” uthethe watsho uSomdaka.
Ukwabongoze abahlali ukuba bathathe inxaxheba ekukhuseleni izinto zokuhlala.




