Ziyabethana izimvo zoluntu emva kokuba uMphathiswa weZemidlalo, ubuGgcisa kunye neNkcubeko uGayton McKenzie edize ukuba lifikelele esiphelweni ichamu kwabo bachongiweyo ukuba bazimase yonke imidlalo yamaqela esizwe. Eliqela, neliquka uMama Joy kunye noBotha Msila, silibona kuyo yonke imidlalo yamaqela esizwe kuquka umbhoxo kunye nebhola ekhatywayo, akukhathaliseki nokuba la maqela adlala phi. Ukanti abalandeli bebhola elikhulu kweli bababona rhoqo emidlalweni, emabaleni nakumabonakude. Ngexesha lemidlalo yombhoxo kwindebe yehlabathi, ebibanjelwe eFrance kunyaka ophelileyo, esi sibini sasiphakathi kwabo kuyo yonke imidlalo yamabhokobhoko. Umbuzo endandinawo ngowokuba benze njani ukuba babe pha? Kwaye bachithe malini ngokuhlala eFrance inyanga yonke okanye behla besenyuka phakathi koMzantsi Afrika ne France? Yonke loo mibuzo azange iphenduleke de kwaza kuba ngoku.
Enkosi ku McKenzie, ngoku ndiyazi.
Noxa kunjalo umbuzo omkhulu usahleli, ingakanani imali yabarhafi esetyenziswe ekuhambiseni eliqela nelibizwa ngokuba zi Super Fans okanye abaxhasi abaphume izandla?
Kwilizwe elifana neli lethu, nalapho umsantsa phakathi kweempula zikalujaca nabo bazingcungcu zimilomo mide ucace nakuthathatha kwenzeka njani ukuba kuchithwe imali engaka kuhanjiswa abantu kulo lonke eli limiweyo. Eyona nqwelo moya ifikelelekayo ukusuka kweli ukuya eFrance li R11 862, into ethi ngomntu ngamnye eli lichithe ngaphaya kwama R23 000 ukuya nokubuya eFrance. Akuphelelanga apho. Kwaphinda kwachithwa isizumbulu semali ngokuhlala kwabo ehotele, kuquka ukutya. Ixabiso lokutya kumazwe ase Europe lixhomile. Into nganye exabisa iR19 uyifumana nge Yuro enya yaseFrance. Lonto ithi kufuneka ipokotho yakho ibenzulu xa usinga kula mazwe. Masithembe ukuba ngokuhamba kwexesha yonke lemibuzo iyakuphenduleka. Bonayolo abo bazi Super Fans ngokuba baxhamlile bona phambi kuka McKenzie logama amawakawaka abemi beli bentyumpantyumpeka entluphekweni nasebugxwayibeni.




