Abanye babantwana abebethweswa kulo mnyhadala.


Ibiyimivuyo nemincili kubafundi bezikolo zamabanga aphantsi ohlukeneyo eCrossroads kunye neengingqi eziyingqungileyo ngexesha behlangene kwiholo loluntu kule ngingqi, kwingxikela yetheko lokuvalwa konyaka.

Lo msitho, nobubanjwe ngoMgqibelo umhla wama 30 kweyeNkanga, ubuququzelelwe ngumbutho i-Ikamva Labantwana Bethu. Kwaye kuthe kwawongwa iqela labantwana abaphume izandla kulo nyaka.

U-Nomthandazo Sibozo, nokwangumlawuli ofisi yalo mbutho, uchaze lo mbhiyozo nanje ngendlela abazama ngayo ukukhuthaza ngayo abantwana.

Uthe bagxile kakhulu kubantwana abenza ibanga lesibini ukuya kuma kwibanga lesihlanu.

Ngokutsho kuka Sibozo, Ikamva Labantwana Bethu ngumbutho ozimeleyo nosebenzisana kakhulu nabantwana abafunda kwizikolo ezikumabanga aphantsi, nalapho baye babancedise ezifundweni zabo emva kwemini.

“Xa befika besuka esikolweni siye sibabuze ukuba bebesenza ntoni? Siye siqale apho, sibancedise nakumsebenzi wasekhaya. Asiphelelanga apho sikwabafundisa nezinye izinto ezinxulumene nezakhono nje ngokudlala imarimba, umxhentso wesintu, amapiano njalo njalo,” uthethe watsho uSibozo.

Uqhubeka wathi ngabazali abazisa abantwana kubo xa befuna uncedo.

“Umntu onqwenela ukuba umntana wakhe abeyinxalenye nathi uye azokuthatha ifomu ayigcwalise. Sigxile kakhulu kwisilungu, izibalo kunye nezenzululwazi. Ukususela ngoMvulo ukuyakuma ngoLwesine sigxila kakhulu ezifundweni. Ukuze ngoLwesihlanu sijongane nezophuhliso,” ucacise watsho uSibozo.

Woleke ngelithi abapheleli ekuncediseni kwizifundo. Bakwanceda abo bafunda ibanga lesihlanu ekwenzeni izicelo zokufunda kwizikolo zamabanga aphakamileyo.

Omnye wabafundi abawongiweyo uNgcwalisile Mafumana, nofunda ibanga lesine eKuyakhanya eCrossroads, ucome Ikamva ngomsebenzi ewenzayo ukuzama ukuncedisana nabo.

Uthe uzibandakanye nalo mbutho kunyaka ophelileyo. “Ekuqaleni kwam bendingumntu ongamameliyo nongazihoyanga incwadi. Abazali bam baye bandisa e-Ikamva nalapho ndiye ndafumana uncedo khona. Susela oko ndaqala ukuya khona kwabakho utshintso ezifundweni zam,”uthethe watsho.

Ulichaze eli ziko njengendawo ekhuselekileyo, ingakumbi kubantu abatsha. Uthe ibasindisa kwizinto ezininzi ezingalunganga ezenzeka ekuhlaleni.

U-Mafumana uye wabongoza nabanye abantwana ukuba babeyinxalenye ye Ikamva ukuba bafuna ukuphucula izifundo zabo. “Mna indincede kakhulu ngoba ufumana ithuba lesibini. Xa into ungakhange uyive kakuhle esikolweni uye ufumane ithuba lokuba baphinde bakucacisele,” utshilo Mafumana.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article