Ndifuna ukuvumelana nawe kweli ityeli. Umntwana ufundiswa emncinci ukuba avuke axukuxe phambi kokuba atye okanye aye esikolweni. Kuyothusa ukubona okanye ukuva ngomntu omdala ohlamba umlomo emva kwemini esithubeni. Into yokuxukuxa yinto yasekhaya. Utya njani ungakhange uhlambe umlomo? Uqala njani ukuncokola nabantu ungavasanga mlomo. Hleze ngaba bantu balala bethetha bavuke bethetha, bade balibale ukuxukuxa.


