Ezinye zezixhobo zokwakha ngexesha bezinikwa abantu kwibala lezemidlalo eLwandle.
Ezinye zezixhobo zokwakha ngelixa bezisabiwa kwibala lezemidlalo eLwandle. (Supplied)

Iinyembezi zosuliwe kumaxhoba omlilo wamatyotyombe, eNkanini eLwandle emva, kokuba efumene izixhobo zokwakha ngoMvulo umhla we 12 kwinyanga kaCanzibe.

Ezi zixhobo zokwakha, nebezikhutshelwa kwibala lezemidlalo eLwandle, zikhutshwe lisebe lezokuhlaliswa koluntu kuzwelonke.

Lo msitho wenziwe emva kokuba amatyotyombe angama 201 atsha alithuthu aze ashiya abantu abangama 681 bengodingindawo ngoLwesibini umhla we15 kwinyanga kaTshazimpunzi.

Elinye lamaxhoba uNosandiso Khwethane akawuvali umlomo yimincili emva kokuba efumene izixhobo zokwakha, watsho ebulela nakuceba wabo ngendima ayidlalileyo.

“Besendincamile ndicingukuba asoze sizifumane ezi zixhobo. Ndizamile ukumisa ityotyombe ndisebenzisa kwalamazinki atshileyo oku kokuba ndiqhusheke intloko. Noko ngoku ndizakuphinda ndilandise ityotyombe lam,” utshilo uKhwethane.

Woleke ngelithi imeko ayikabikho ntle ncam kodwa watsho esithi akufani.

U-Khwethane, nongumama wabantwana abathathu, uthe abantwana bakhe bebesele behlala kudadewabo kwingingqi yamatyotyombe ePholile.

“Ingxaki le hoki ndiyenzileyo incinci kakhulu, ngoku asoneli sonke. Kodwa ke bamane besiza ngeempelaveki baphinde bahambe nge Cawe emva kwemini. Ngoku ndizokutsala le hoki yam ndenze igumbi labo lokulala,” uthethe watsho uKhwethane.

Woleke ngelithi akavi kamandi njengokuba ehlala ngaphandle kwabantwana bakhe.

Uye wabongoza uluntu ngokubanzi ukuba lingadinwa liqhubeke libapha izinto nanje ngoko basebaniniz abantu abazidingayo.

Uceba kaWadi 86 uXolani Diniso uthe injongo yabo kukubuyisa isidima kumaxhoba omlilo.

Uthe uyayiqonda intlungu abajongene nayo, kwaye uzakuqinisekisa ukuba yonke into ibuyela esiqhelweni kula ngingqi.

“Umthetho waseMzantsi Afrika uyayicacisa ukuba wonke umntu ongummi weli lizwe unelungelo lokuba abenendawo yokuhlala efanelekileyo. Yiyo ke lonto sisenza amatiletile ukuba abantu babenendawo ezikhuselekileyo zokuhlala. Sizama ukubuyisa esosidima abantu bazakhele indawo zabo zokuhlala ngendlela abafuna ngayo,” uthethe watsho uDiniso.

Uqukumbele ngokubongoza abahlali ukuba bathi gqolo ukuqinisekisa ukuba zonke izinto zombane ziyacinywa xa behamba okanye bephangela.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article