Amalungu esigqeba ajongene nezokhuseleko ekuhlaleni angamanina, nasuka kwiingingqi ezahlukeneyo eKhayelitsha, avale inyanga yoomama ngendlela eyahlukileyo ngokuthi aqhube uhlolo kwiingingqi zaseKhayelitsha ngoLwesihlanu umhla wama 29 kweyeThupha.
Eli phulo, nebeliququzelelwe sisigqeba sephondo leNtshona Kapa, ibilelokuqala elikumila kunje.
Umququzeleli wesigqeba ephondweni uFuneka Soldaat uchaze eli phulo nanje ngendlela yokuvala inyanga yamanina kunye nokubonisa ubunganga babantu abangoomama.
Lo msebenzi uqale ngentsimbi yesine malanga kwingingqi yakooSST eTown Two waya kuma kumatyotyombe ase Island, eMakhaza, ngentsimbi yesithandathu.
“Bebengaphaya kwama 60 oomama abathabathe inxaxheba kweliphulo, bephuma phantsi kwezikhululo zonke zamapolisa ezilapha eKhayelitsha. Besifuna ukubonisa amandla omama abanawo, ukanti sikwafuna nokubonisa ukuba into eyenziwa ngabantu abangootata nathi singamanina singayenza ngaphandle kwenkxaso yabo,” uthethe watsho.
Utyatyadule wathi ibuhlungu into yokuba kuthi kubhiyozelwa inyanga yoomama kodwa kugxilwe kakhulu ekuxhatshazweni kwabo kunye nabantwana.
Woleke ngelithi bekufanele ukuba kuvuyelwa indima eyadlalwa ngamanina ngexesha lengcinezelo. “Apha eMzantsi Afrika inyanga yoomama iyafana nje nelaphulo leentsuku ezili 16 kusiliwa ukuxhatshazwa kwabantu abangamanina neqala ngomhla wama 25 kweyeNkanga ukuya kuma ngomhla we 10 kweyoMnga. Thina apha eMzantsi asizohluli ngenxa yendlela abantu abangootata abasiphatha ngayo,” ucacise watsho uSoldaat.
Uye wayibethelela into yokuba ngexesha bebesenza oluhlolo bebekwahamba bexhobisa abantu ukuba bayeke ukuthenga izinto ezibiweyo.
Ubongoze abazali ukuba bayeke ukukhusela abantwana babo abamoshayo.
“Nanje ngoko besihamba sithetha nabahlali sibabongoza ukuba bathethe phandle ngobundlobongela. Siye sabacela ukuba mabangabafihli okanye babathethelele abantwana abamoshayo. Xa umntana emoshile mabamse emapoliseni,” utshilo.
Uceba kaWadi 93 uThando Pimpi, nequka ingingqi yakoo SST, uye waliqhwabela izandla eli phulo watsho esithi inga bangathi gqolo ukuliqhuba nyanga zonke. Uvakalise ukuba ubundlobongela buninzi kwi Khayelitsha iphela.
“Nezikoli xa zibona amapolisa okanye amalungu esigqeba esijongene nokhuseleko ekuhlaleni ziyothuka zibaleke. Inkulu indima abayidlalayo ekuhlaleni kwaye iyabonakala. Akwaba bangaxhotyiswa ngezinto zokusebenza ukwenzela basebenze bekhuselekile,” uthethe watsho uPimpi.




