Baziqhwabele izandla abahlali baseDriftsands, kwaye abayivali imilomo, emva kokubona amapolisa emise kufuphi ne-bhulorho yenyawo egqitha kuhola wendlela uN2, nalapho ebesetsha khona uluntu.

Le bhulorho, nedibanisa iDriftsands kunye ne Site C, kubikwa ukuba ijike yafana nendawo yoonqevu, ntoleyo ebangela ungcungcutheko kubahlali nabahambi ngenyawo.

Ngokweengxelo konke oku kwenzeka ilanga lihlabe umhlaba.

Ukanti isigqibo samapolisa sokumisa kufuphi nale bhulorho, aqhube ugqogqo, sibonwe njenge khubalo ngabahlali.

Njengenxalenye yeli phulo, amapolisa aye amisa nezithuthi aqhuba ugqogqo lwezinto ezahlukeneyo.

Indawo yaseDriftsands iphantsi kwesikhululo samapolisa saseMfuleni, nesinkqenkqeza phambili ngamatyala okubulala ngokwengxelo ethe yadizwa nguMphatshiswa wamapolisa uBheki Cele.

Umhlali uLubabalo Mpahla ukholelwa ekubeni ukhuthuzo lungehla xa amapolisa angaqhubeka neli phulo.

“Abantu bayakhuthuzwa, kwaye bayonzakaliswa zezi zigilamikhuba ezibamba abantu kule bhulorho. Mihla lee uva ngomntu okhuthuziweyo okanye abelixhoba lokuhlatywa zezintwana,” utshilo uMpahla.

OkaMpahla uwaqhwabele izandla amapolisa esithi esi sisiqalo esitsha ukuzama ukuthoba amanani okhuthuzo oluqhubeka kule bhulorho.

“Yiminyaka abantu besonzakala kulebhulorho, kwaye bekukudala sikunqwenela oku. Abantu bakhwela iteksi eSite C okanye bayothenga kudederhu lweevenkile ezikula ngingqi. Ngabo abaye babengamaxhoba okhuthuzo,” utshilo uMpahla.

Omnye umhlali wale ngingqi u-Asanda Mehlo uthi ukubona nje amapolisa kufutshane nale bhulorho kuyaboyikisa oonqevu.

“Kuluchulumanco kakhulu ukubona amapolisa ezisondeza ekuhlaleni kwethu okunengxaki. Lento yokusetsha abantu kunye neemoto izakuza neziphumo ezihle, kwaye nokhuthuzo luzakwehla,” utshilo uMehlo.

U-Mehlo uhambise wathi unqwenela ukubona amapolisa rhoqo, kakhulu ngentseni naxa kuza kutshona ilanga, ngelithi ngawona maxesha ayingozi.

Isithethi samapolisa aseMfuleni, uW/O November Filander uthe ingingqi yaseDriftsands yenye yeendawo ekuxhaphake khona ulwaphulomthetho nalapho abarhanelwa bewela uhola wendlela uN2. “La ndlela iOld Faure yenye yeendawo ezinobungozi kwelicala lethu, nalapho kukho ulwaphulomthetho oluninzi lwabarhanelwa besebenzisa la bhulorho. Amapolisa ethu, ngamaxesha athile, siye sithi amise kude kufutshane pha ukuze asetshe iimoto, nabantu ukuzama ukulwa nolwaphulomthetho kula ngingqi,” utshilo uFilander.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article