Amapolisa ase Lingelthu -West, eKhayelitsha, alumkisa abahlali ngemigewu egqugqisa kudederhu lweevenkile (iKhayelitsha Mall) nehamba ilahla imali ngenjongo zokukhuthuza abantu.
Le migewu, nehamba ingamaqela ohlukeneyo, omnye wabo uye awise phantsi isiphampa semali esifakwe kwiplasitikhi ze kuthi lo mntu uthe wayichola omnye wale migewu amlandele athi bayibone bobabini ayalele ukuba bohlulelane ngayo.
Uye amyalele ukuba baye endlini yangasese ze xabefika athi mabashiye iimfono-mfono kunye neeplasitikhi ezo zinokutya umntu aziphetheyo ngaphandle bangangeni nazo ngaphakathi xa bezokohlula le mali.
Emva koko lo ugciniswe impahla neemfono-mfono anyamalale nazo.
Esi siqhuma nesikhangeleka ngokungathi yimali, ngamanye amaxesha kuye kufunyanwe ingamaphepha amaninzi asongiweyo naze agqunywa ngemali nekuthi xa uyijongile ikhangeleke ngokungathi yiyo.





