Hayi mna shame ndifuna ukuthi abantu benza izinto ngendlela abathanda ngayo, hayi ethandwa ngabanye abantu. Ayibukeki yona into yokuxukuxa esithubeni, kodwa koba sathiwani? Sele injalo. Kungcono ukuxukuxa emini kunongaxukuxi kwaphela okanye kunomntu otsho ngamazinyo amdaka. Noko bona basayicinga into yokuxukuxa. Mna ndonyanyiswa ngabantu abadala abatsho ngamazinyo ankone, ungazi nokuba umntu akanaso isipili endlini yakhe.

