Ilitshiyile eli ingcibi eyaziwayo yaseGugulethu uMaduna.
Sizinzi ‘Maduna’ Nqabeni. (Ithunyelwe)

Amalungiselelo omngcwabo wengcibi eyaziwayo nephume izandla eGugulethu uSizinzo ‘Maduna’ Nqabeni ayaqhuba nanje ngoko umngcwabo wakhe kulindeleke ukuba ubanjwe kwiholo loluntu lwase NY50 ngoMgqibelo umhla we 17 kuCanzibe.

U-Maduna ubhubhele esibhedlele ngoLwesihlanu umhla wesibini kule sikuyo emva kogula ixesha elide.

Umseki wombutho uSomagwaza Institute eGugulethu uSikelela Zokufa, nokwayingcibi, uchaze uMaduna nanje ngomntu obenesakhono esinqabileyo nobekwayincutshe ekoluseni amakhwenkwe.

Uchaze ukubhubha kukaMaduna nanje ngelahleko enkulu hayi kusapho lwakhe kuphela, koko kuluntu ngokubanzi.

“Singumzi wakwaXhosa silahlekelwa. Utata uMaduna ibingumntu owaziwayo nobehloniphekile ekuhlaleni ngenxa yomsebenzi wakhe. Ebeneminyaka engaphaya kwama 40 eyingcibi. U-Maduna ebeyingcibi kunye notata wam. Mna ndiqale ukumazi ngonyaka ka 2003 ukuqala kwam ukuba yingcibi,” uthethe watsho uZokufa.

Uqhube wathi ukuqala kwakhe ukuba yingcibi ubudlelwane bakhe noMaduna babungebuhlanga ncam, kuba wayengamthembanga esithi mncinci uzakumosha abantwana.

Uthe ngokuye ewenza lo msebenzi baye baphela sele bengumtya nethunga ngenxa yokubona ukuba uzeke mzekweni.

“Ibingumntu onobubele kakhulu kwaye nathi njengeengcibi ezincinci izinto ezininzi nendlela ekusetyenzwa ngayo ehlathini sizifunde kuye.

“Ebengayifuni into embi kwaye ewuxabisile umsebenzi wakhe kakhulu,” utshilo uZokufa. Uthe kuyo yonke leminyaka emazi uMadanu akazange weva kukhalwa ngaye kusithiwa wenze ingxaki.

U-Zokufa uthe nangoku sele uMaduna eyekile ukusebenza kodwa ebemane emndwendwela endlini yakhe xa ngaba kukho into afuna ukuyiqonda.

“Ebengagcisi ngolwazi, nantoni na ofuna ukuyiqonda ebekuxelela kwaye ebesoloko esitsho esithi xa ngaba sifuna naluphi na uncedo sibodibana naye,” uvalelise ngelitshoyo uZokufa.

U-Maduna udume kakhulu emva kokuba eluse oweyesakuba ngumongameli wombutho wolutsha kuKhongolose nokwangunobhala ngoku kumbutho kaKhongolose uFikile Mbalula ngonyaka ka 2008.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article