Imibutho ejongene nesiko lolwaluko kweli leNtshona Koloni ithi iqule yaligangatha ukulungiselela ukufaka amakhwenkwe ngeeholide zobusika.
Kudliwanondlebe ne City Vision, iinkokheli zale mibutho zibongoze abazali ukuba bathobe amaxhala ngelithi yonke into ihamba ngendlela.
U-Mandla Mlambo, nongusihlalo wombutho i-Embo kwaLanga, uthe ulwaluko sele luqalile, watsho esithi kulindeleke ukuba amakhwenkwe okuqala angene kwinyanga ezayo.
“Ngokomthetho urhulumente sele evulile ukuba amakhwenkwe angene kodwa thina apha kwaLanga silindele ukuba amakhwenkwe okuqala angene kwiveki yokuqala kule yeSilimela. Asinawo amakhwenkwe abhalisele ukungena apha kule sikuyo inyanga, kodwa ke ukuba akhona avumelekile ukuba angene,” uthethe watsho.
Woleke ngelithi amakhankatha sele engxangile kwaye onke aphuma embuthweni.
“Siyafuna ukuyicacisa kubazali ukuba amakhankatha kwaLanga aphuma kuthi singumbutho, abazali bangaxhalabi. Nangoku silindele ukufaka amakhwenkwe angama 60 kweziholide zobusika. Ithi lonto kufuneka sizimisele nangakumbi ukuqinisekisa ukuba yonke into ihamba ngendlela,” ucacise watsho uMlambo.
Umseki wombutho iSomagwaza Institute nokwayingcibi eGugulethu uSikelela Zokufa ubongoze abazali ukuba bangaxhalabi. Uthe kwiintlanganiso abazihleli nabazali kwiveki ezimbalwa ezidlulileyo baye babaxhobisa ngabamakulindele ngexesha lokungena kwamakhwenkwe.
“Ixesha lasebusika lixesha elinzima kakhulu ngoba kuyanetha kwaye kuyabanda. Kukangako sibabongoza abazali ukuba bongeze iingubo, ukanti kwabo basebenzisa iipilisi okanye amayeza ngokomyalelo kagqirha siye sibongoze ukuba bangazishiyi ngemva,” uthethe watsho .
Woleke ngelithi injongo yabo kukuba abantwana baye bephila babuye bephila, watsho esithi amadoda anxilileyo akafuneki ehlathini. “Ihlathi esilisebenzisayo leli lingase sitishini sikaloliwe iJoe Gqabi akukabikho nto ijikileyo abantu bangaxhalabi. Abantu xa besiya phaya bangena esangweni. Bakhona abantu abahleli begadile ngalo lonke ixesha,” utshilo.





