Abahlali abalugcwabevu ngumsindo baseLuzuko, eLower Crossroads, badikwe yeyokosa bathathela umthetho ezandleni zabo ngokuthi bavale indlela yezithuthi iGcobane, ukuzama ukulwa nobundlobongela kula ngingqi.
Le ndlele nesele ingaphaya kweenyanga ezintandathu ivaliwe, ichazwe njengenyoba yezaphulimthetho. Abahlali balilisela ngelithi bakrulwe bubusela nokuqhekezelwa ezindlini ngabantu abahamba ngeemoto bakugqiba babaleke ngale ndlela.
Umhlali nongakhange avume ukuzichaza igama lakhe kuba esoyika ukunqolotywa, uthe luninzi ulwaphulo mthetho oluqhubeka kula ngingqi.
“Asilali apha singenelwa zizikoli ezindlini ngorhatya kuthathwe izinto zethu. Ukanti nabaqhubi bee-Uber bayaxhonyiswa ngoonqevu xa bezokulanda okanye bezise umntu apha. Akukhonto intle nje konke-kone apha,” uthethe watsho.
Waleke ngelithi xa iimoto zisiza kubo zingena ngendlela Indwe okanye Umyezo kuba le ingakubo beyivalile.
Uye wagxeka amapolisa ngokungabonakali ekuhlaleni, watsho esithi ngomnye woonobangela bobundlobongela. “Izikoli ziyatabhata nje apha ngoba ziyayazi sokuze ubone polisa kule ndawo. Uyibona imoto yamapolisa xa kukho isehlo, kodwa njeee awusoze uyibone,” uthethe watsho.
Umakhulu nonabazukulwana abahlanu uthe abantwana babo abakhuselekanga kule ngingqi.
Uceba ka Wadi 35 uMboniswa Chitha uchaze ubundlobongela nanje ngengxaki egqugqisa iwadi yakhe yonke.
Unqwalile naye ngelithi sele inethuba la ndlela yavalwa. “Isizathu abantu bakhala ngokoxuthelwa omabonakude babo ezindlini ngabantu abaqhuba iimoto bakugqiba babaleke. Namapolisa ayayazi lonto kudala yenzeka akungoku,” uthethe watsho.Noxa kunjalo uChitha uthembise ngokuvuselela kwaye asebenzisana namanye amaqumrhu asekuhlaleni ukuzama ukulwa ubundlobongela.
Isithethi samapolisa ePhilippi-East uKapt Granville Meyer uthe banolwazi ngale ndlela ivaliweyo. Uzichaze njengezibubuvuvu ingxelo zokuba amapolisa awabonakali kula ngingqi watsho esithi amapolisa ahamba imini nobusuku. “I-Luzuko asiyiyo nendawo enobungozi apha kule ngingqi yethu. Kodwa indlela iGcobane yavalwa ngenyanga kaCanzibe kunyaka ophelileyo,” uthethe watsho uMeyer.





