Liqaqobana labahlali baseKhayelitsha kunye neengingqi ezikufutshane abathe bahlangana eLookout Hill ngelokuhlalutya imvelaphi yabo ngoMgqibelo umhla wesibhozo kweyeSilimela.
Lo msitho ubuququzelelwe yimibutho yoomama eyahlukeneyo, kwaye ubuliphulo loba lokuqala ukuzama ukwakha isizwe, phantsi komxholo othi ‘Ndingubani?’.
Ukunika intlonipho kwimvelaphi yabo, wonke umntu ebenxibe impahla yesintu.
Omnye wabaququzeleli umama uBusiwe Pikini uchaze le ndibano njengekhuthaza uluntu ukuba lwazi ngemvelaphi yalo.
Utyatyadule wathi baqaphele ukuba baninzi abantu abangazaziyo ncam ukuba bangobani na, okanye basukaphi, watsho esithi oko kwenza ubomi bubenzima.
Uhambise wathi amalungu emibutho eyahlukeneyo, nayinxalenye yeli phulo, aye ahlala phantsi abonisana ngeendlela zokwenza impilo ngcono
“Siye seza nombono wokuba masikhe sithethe ngalento yokuba abantu bengazazi okanye bave sele kophulwe ukuba esi siduko basibizayo okanye basisebenzisayo ayisosabo. Lonto yenza ukuba abanye babo batsale nzima ezimpilweni zabo, ingakumbi abantu abangoomama ngoba ngamanye amaxesha uye angafumani nabantwana aphele sele ebuya nasemzini noba ebendile ngoba kaloku akumnandanga,” uthethe watsho uPikini.
Waleke ngelithi abanye baphela bethatha iintonga besiya koosiyazi ukuzama ukuzazi ngcono.
U-Pikini ubongoze abazali ukuba banyaniseke ebantwaneni babo babaxelele inyani ngethuba besaphila ukwenzele bangasokolisi ebudaleni.
Ubalule ukuba buhlungu kwento yokuba abantwana bakhule bengazazi okanye becinge ukuba basisiduko esithile babe bangesiso.
“Sikhuthaza abantu ukuba bawazi umnombo wabo ukuze sibenesizwe esiphilileyo. Ukuba umzali akazazi ukuba ngubani yena kuqala, ithi lonto nenzala yakhe ayizuzazi,” ucacise watsho uPikini.
Waleke ngelithi abanyanzelisi mntu ukuba athethe iimfihlo zakhe.
Omnye wabahlali obeyinxalenye yalo msitho uNwabisa Mentile uchaze le ndibano nanje ngefundisayo.
Uqhube wathi kubalulekile ukuba abantu bazazi ukuba bangobani na. “Yintsindabadala le. Iintsapho ezininzi aziyiphathi noyiphatha lonto ngoku ziyaziyo ukuba ukhona umntana ongengowelokhaya. Lonto ke iye imchaphazele umntwana ngokuya ekhula ngoba ngamanye amaxesha izinto zakhe ziye zingahambi kakuhle,” uthethe watsho uMentile.
Uqhube wathi naye umazi sele emdala utata wakhe, watsho ekhuthaza abazali ukuba bathethe phandle nabantwana babo.





