Umsebenzi wethu njengo nondaba kukuqinisekisa ukuba bonke abasemagunye badlala indima yabo, kwaye bathwaliswa uxanduva xa bathe bafadala ekufezekiseni indima yabo.
Konke oku sikwenza silawulwa yimiqathango engqingqwa elawula amaziko endaba nokusebenza kweentatheli. Indima yethu kukuqinisekisa ukuba inyaniso iphuma elubala xa kukho into efihlwayo ngabo bakwizikhundla zolawulo. Oku sikwenza ngaphandle komkhethe, uloyiko nezigrogriso. Ngalo lonke ixesha sipapasha amanqaku aqulethe inyaniso. Uluvo lwethu alubalulekanga, okwethu kukubika inyaniso. Noxa kunjalo ayithi lonto asikwazi kuphawula kwimiba ethile, ingakumbi izinto ezichaphazela uluntu kwiindawo zethu. Umbandela ka Lifalethu ngomnye wemibandela ethe yabangela ingxokolo kutshanje. Kule veki umbandela otshisa ibunzi kukubulawa kwamadoda asibhozo, kulinyazwe amahlanu ligqiza elikhethekileyo lamapolisa eTown Two.
Eliqela kuvakala ukuba beliceba ulwaphulomthetho.
Okona kukhwankqisa kakhulu linani loombayimbayi, kunye nemikhono yekati ethe yafunyanwa ngabakwantsasana emva koqhoqhozwano. Ngokwengxelo yamapolisa li 11 ombayimbayi (kuquka ii-AK47 ezisixhenxe, ii-R5s ezimbini, iR4 enye kunye ne Dashprod enye) abathe bafunyanwa kula madoda. Kukwafunyenwe imikhono yekati emibini (9mm), iziqhushumbisi ezithathu kunye nentlaninge yee magazines ezigcwele iimbumbulu. Ezi zizikhali zemfazwe, kwaye kunzima ukukholelwa ukuba kwiindawo esihlala kuzo kungakho izikhali ezikumila kunje. Logama singazi ukuba amapolisa ave njani ngabarhanelwa, okona kumandla kukuba siwothulele umnqwazi ngomsebenzi omhle kangaka. Ixesha elininzi sikhalazela ukufeda kwayo. Kungako namhlanje ndisithI huntshu kuni mapolisa oMzantsi Afrika, ukwanda kwaliwa ngumthakathi. Isenzo senu sobugorha sisindise imiphefumlo emsulwa eminintsi engeyisutywe ngabanqaw’ ayiphuzwa.
Ngubani owaziyo ukuba bebesingise phi, ungakanani umonakalo ebebezakuwenza. Isenzo ngasinye senu sobugorha sisindisa imiphefumlo engenatyala. Yanga ningathi gqolo ukwenza izinto ezibukwayo ukuze kubuyekezwe isidima selizwe lethu.


