Abayivali imilomo ababesakuba ngamaxhoba ezandyondyo zemvula neyayihamba nezivunguvungu zomoya nezathi zashiya abanye babo bedada emanzini.
Ukanti ezinye iihoki, kuquka nezindlu, zonakele kwinyanga ephelileyo kwaWadi 98, kwingingqi yaseHarare.
Likhulu lonke labantu ebelidibene kwindawo yophuhliso iSinethemba Community Organisation kule ngingqi ngoMvulo umhla we12 kweyeThupha, nabathe bagoduka bexhakazela ziziqhuma zokutya kunye neeseyile nabaziphiwe ngumbotho wesisa iForAfrika.
I-ForAfrika ngumbutho ozimeleyo nosebenzisana noluntu, ingakumbi kwiingingqi ezisokolayo nalapho uye uncedisa ngalonto unayo ngeloxesha.
Umseki weSinethemba, uNolitha Ndalasi nobeyinxalenye ekuququzeleleni lo msitho uchaze le ndibano nanje ngendlela ezama ukuncedisana nabantu.
Uthe injongo kukuzama ukuxhasa nokunika ithemba kwabo ibingamaxhoba ngexesha lezikhukhula.
Ecacisa ukuba kwenzeke njani ukuze abeyinxalenye yeliphulo, uNdalasi uthe uyewavakalelwa emva kokuba abanye babasebenzi bakhe baye bachaphazeleka ngexesha lezandyondyo zemvula.
“Ngokuya imvula yayiqala ukunetha andizange ndiyithathele ngqalelo,kodwa ndiye ngokumane ndifumana ingxelo kubasebenzi bam ukuba abazukuphangela kuba bechaphazelekile ndaqalisa ndavula amehlo.
“Bendinabasebenzi abangamashumi amabini onke ababechaphazelekile kwezamvula. Ndaye ndimane ndisiva nabanye abantu kwezinye indawo ukuba nabo banalengxaki,” uthethe watsho uNdalasi woleka ngelithi bebonke abantu ababechaphazelekile babengaphaya kwamakhulu amabini.
Uqhubeke wathi uye wathetha nombutho iForAfrika kuba enobudlelwane nawo ukuba uncede apho unokwazi khona. Uthe baye babuyela kuye bathi bangancedisa banike ukutya abantu abalikhulu.
“Inkoliso yaba bantu balapha basuka kumatyotyombe iNdlovini, Gushindoda, KV, Esikolweni, Obama kunye nasezindlini kwingingqi yakoo 35. Abanye babengenelwe ngamanzi ngaphakathi ezindlini nasezihokini ukanti abanye iihoki kunye nezindlu zabo zaziphaphathekile,” ucacise watsho uNdalasi.
Ongumphathi wombutho iForAfrika u-Adel Terblanche uchaze lo msitho nanje ngendlela yokunikela ekuhlaleni.
Uthe emva kokuba uNdalasi ebaxelele ngengxaki yaba bantu baziva bengenakuhlala phantsi basonge iizandla, baqonda ukuba mabenze into.
U-Terblanche uthe nangona ingeyonto ingako kodwa bayakholelwa ukuba izakwenza umahluko eluntwini.
“Sinento engapha konyaka sisebenzisana neSinethamba uquka neminye imibutho esekuhlaleni. Injongo yethu kukuncedisa nokuphuhlisa ekuhlaleni,” uthethe watsho uTerblanche woleka ngelithi bazakuphinda bazise neengubo kubantu abachaphazelekileyo lingaphelanga usuku lwangoMvulo.
Uthe lo mbutho ukhona kuwo onke amaphondo eli lizwe, kuquka i-Angola, Uganda, Ethiopia, South Sudan, Mozambique, Ruwanda, Central African Republic
Omnye wabantu abaxhamleyo kwelicham u-Unathi Nzola akawuvali umlomo, watsho esithi oku kutya kuzakuwenza umahluko.
“Ndivuya kakhulu ndibulela nangendima athe umama uNolitha wayidlala emva kokuba ethe wabona imeko esikuyo. Singabanye asithathi ntweni ngoba asiphangeli kodwa noko akuzufana,” utshilo uNzola.





