Inkqayi ingena ngentlontlo. Eli liqhalo elinentsingiselo esitheleyo, ingakumbi ukuba isiXhosa awusichani kakuhle.

Njengendoda ekhulele ezilalini, ndikhuliswa ngumakhulu, eli qhalo wayelithanda kakhulu xa esingxolisa, qha yayingena ngapha iphume ngapha lonto yakhe. Sasicinga okwabantwana kungekho nto siyithathela ngqalelo. Inkoliso yeemfundiso zakhe ziqale ukuphuhla apha ebudaleni, ngokuya umntu efunda ebona izinto zobomi. Ngamafutshane eli qhalo lisetyenziswa ukulumkisa umntu owenza into enxaxhileyo, nokuba sele incinci kangakanani. Inyaniso emsulwa yeyokuba izinto ezincinci ziqala kancinci ziye ngokukhula ngokuhamba kwamaxesha. Umlambo omkhulu uphuma okanye wenziwa yimilanjana. Into ethi kubalulekile ukuba abantwana sibabonise besebancinci izinto ezinxaxhileyo, siqinisekise ukuba babuyisa unyawo phambi kokuba bazifumane sele besemgibeni. Njengomntu ozele wophula uluthi, ndiyakholwa kukuhlala ndilumane indlebe noonomngqushwana. Kwincoko yam kutsha nje omnye umntwana uze kum ebaleka ezekuxela omnye osela ibhiya. Ekusabeleni kwam elinyala ndisuke ndayinkukhu esikwe umlomo xa umtyholwa endichazela ukuba uyibona ku yise yonke lento, ngoko mandithethe naye. Khawucinga umntwana ominyaka mithandathu efincelela ibhiya. Abantwana bajonga yonke into eyenziwa ngabantu abadala, kwaye bayibona intle. Into oyenzayo njengomzali bayayibuka balandele ekhondweni lakho. Ithi ke lonto masizijonge izinto esizenza phambi kwabantwana ngokuba zichaphazela indlela abakhula ngayo. Kufana ncakasana nokuthuma umntwana ukuba aye kuthenga utywala okanye icuba. Zombini ezi zinto zinomlinganiselo weminyaka.

Akukho ndawo yentselo okanye venkile imele ukuthengisela umntwana omncinci utywala okanye icuba. Yahlukanani nokuthuma okanye ukwenzisa abantwana izinto ezigwenxa. Umntu ofuna icuba makaye evenkileni, ofuna utywala adibane nesimokolo. Asakhi sizwe samanxila apha. Sifuna inkamva eliqhakazileyo kubantwana nelizwe lethu. Namhlanje sixakane nabantwana abenza izinto ezigwenxa, kwaye asinampendulo yokuba zivela phi ezi zinto. Inyaniso yeyokuba impendulo ikwindlela esenza ngayo izinto njengabantu abadala.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article