Umphathi sitishi samapolisa asePhilippi-East uCol Nyaniso Mandlana ubongoza abahlali bathi gqolo ukuxela izenzo zolwaphulo mthetho emapoliseni.UMFANEKISO: UNATHI OBOSE


Liqaqobana labantu ebelihlangene kwiholo loluntu eLower Crossroads ngoMgqibelo umhla wama 24 kweyeThupha ngethuba lomthandazo wokulwa nobundlobongela kwiingingqi eziphantsi kwesikhululo samapolisa sasePhilippi-East.

Lo mthandazo, nobuququzelelwe ngumbutho wenkonzo ezahlukeneyo Intshukumo Yamabandla aseLower Crossroads kuquka amapolisa kunye nabahlali, ubugxile ekukhuthazeni intsebenziswano phakathi kwamapolisa kunye nabahlali.

Umfundisi Patric Ngwane, noyinkokheli kwibandla Great Is The Lord eLuzuko ekwangusihlalo weIntshukumo Yamabandla aseLower, uthe ayiyompazamo ukuba babambe lo mthandazo watsho esithi injongo yabo kukukhuthaza abahlali ukuba basebenzisane ukulwa ubundlobongela.

Uchaze ukurhunyiswa koosomashishini nanje ngesifo esigqibe ilizwe lonke nesingafuni kuyekwa.

“Ulwaphulo mthetho luninzi apha eLower Crossroads. Kwiminyaka engaphambili kwakudla ngokufunyanwa abantu abasibhozo bonke bedutyulwe endlini enye. Kusuku olulandela olo uve kusithiwa kubulewe isithandathu sabantu kwenye indlu. Noko ngoku behlile akusafani nakuqala kodwa sithi mabungehli nje, sifuna buphele nya,” uthethe watsho uNgwane.

Waleke ngelithi yonke lonto yenziwa ngamandla omthandazo.

Uchaze lo mthandazo njengovuselelo lwento yakudala.

Umphathi wesitishi samapolisa asePhilippi-East uCol Nyaniso Mandlana uchaze ukurhunyiswa koosomashishini ngelibathembisa ukuba bazakubajongela amashishini wabo nanje ngoyena nqontsonqa kule ngingqi.

Uthe kungako bebone kufanele ukuba balisabele ikhwelo labefundisi.

“Ngumoya omdaka lo ungene aba bantwana, ubabangela ukuba benze lento bayenzayo yokungcungcuthekisa abantu. Ngoku sithi makhe sizame khe silwe lo moya umdaka ngokwakwamoya. Khe sibambe umthandazo sisonke nabahlali mhlawumbi uNkulunkulu uyakusilwela. Ngelinye ixesha akubalulekanga ukulwa izinto ngokwenyema kuyafuneka ezinye uzijonge ngokweliso lomoya,” uthethe watsho uMandlana.

Uchaze ingingqi yase Lower Crossroads kunye ne Marcus Garvey nanje ngezitshatsheleyo kudubulwano, ekuxhwilweni kwemoto kunye nokuxhaphaza abantwana noomama.

Uthe zombini ezingingqi zijongene ngezikhondo zamehlo. “Imilo emininzi apha okanye ukubulawa kwabantu kwenzeka eMarcus Garvey nase Lower Crossroads ngoba kukho amaqela amabini oonqevu angavaniyo. Qho xa edibana ayadubulana. Yiyo lento isenza nathi sikholelwe ukuba le milo yabo inento yokwenza nale migewu ihamba iqokelela imali koosomashishini basekuhlaleni ngoba xa kudutyulwa akubulawa abemnye kufa abantu abaliqela,” ucacise watsho uMandlana.

Uthe uyababongoza abahlali ukuba bathi gqolo ukuxela naso nasiphi isiganeko solwaphulo mthetho emapoliseni.

Umhlali Nosizwe Mhaga uwubulele lo mthandazo watsho esithi uyakholelwa ukuba uzakuwenza umahluko. “Asonwabanga ngabantwana abasinkqonkqozela ezindlini silele bafune ukusikhuthuza. Siyoyika asilali ebusuku. Siyacela kuSombawo akhe asincede angene ezintliziyweni zaba bantwana abazimisele ekwenzeni izinto ezimbi kangaka,” uthethe watsho uMhaga.

Waleke ngelithi bayoyika nokuyoxela emapoliseni ngoba abaqinisekanga nokuba abasebenzisani nezikrelemnqa na. “Ndiyavuya kodwa xa esithi umphathi sitishi masiye e-ofisini yakhe xa ngaba kukho into esiyibonayo siyoxela,”uvalelise ngelitshoyo.

U-Mandlana uthe xa ngaba abhlali bengawathembanga amapolisa bangaxela kuye ngqo kwi ofisi yakhe esikhululweni okanye batsalele inombolo yamahala yokulwa uqokelelwa kwemali ngokungekho semthethweni kosomashshini nethi 0800 314 444.

You need to be Logged In to leave a comment.

Gift this article